-
-
Xhosa
-
-
1
|2 Samuel 11:1|
Kwathi ukuvela komnyaka, ngexesha lokuphuma kookumkani ukuya kulwa, uDavide wamthuma uYowabhi, nabakhonzi bakhe kunye naye, namaSirayeli onke, batshabalalisa oonyana baka-Amon, bayingqinga iRabha. UDavide wayehleli eYerusalem.
-
2
|2 Samuel 11:2|
Kwathi ngexesha langokuhlwa, wavuka uDavide esililini sakhe, wahambahamba phezu kophahla lwendlu yokumkani. Wathi, eseluphahleni, wabona umfazi ezihlamba; ke umfazi lowo wayemhle kunene ngembonakalo.
-
3
|2 Samuel 11:3|
Wathumela uDavide, wabuzisa ngaloo mfazi. Kwathiwa, Asinguye na uBhatshebha lowo, intombi kaEliham, umkaUriya umHeti?
-
4
|2 Samuel 11:4|
UDavide wathuma abathunywa, wamthabatha; weza ke yena kuye, walala naye. Akuba ezingcwalisile ebunqambini bakhe, wabuyela endlwini yakhe.
-
5
|2 Samuel 11:5|
Wamitha umfazi lowo; wathumela, waxelela uDavide, wathi, Ndimithi.
-
6
|2 Samuel 11:6|
UDavide wathumela kuYowabhi, esithi, Thumela kum apha u-Uriya umHeti. UYowabhi wamthumela u-Uriya kuDavide.
-
7
|2 Samuel 11:7|
Waya u-Uriya kuye. Wabuza uDavide ukuba unjani na uYowabhi, banjani na abantu, injani na imfazwe.
-
8
|2 Samuel 11:8|
UDavide wathi ku-Uriya, Yihla uye endlwini yakho, uhlambe iinyawo zakho. Waphuma u-Uriya endlwini yokumkani; kwaphuma emva kwakhe isipho sokumkani.
-
9
|2 Samuel 11:9|
U-Uriya walala emnyango wendlu yokumkani, nabakhonzi bonke benkosi yakhe; akehla aye endlwini yakhe.
-
10
|2 Samuel 11:10|
Kwaxelwa kuDavide, kwathiwa, U-Uriya akehlanga aye endlwini yakhe. Wathi uDavide ku-Uriya, Akuveli eluhambeni na? Yini na ukuba ungehli uye endlwini yakho?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 37-38