-
-
Xhosa
-
-
1
|2 Samuel 12:1|
UYehova wathumela uNatan kuDavide. Waya kuye, wathi kuye, Kwakukho amadoda amabini mzini mnye: enye isisityebi, enye ilihlwempu.
-
2
|2 Samuel 12:2|
Esisityebi yayinempahla emfutshane neenkomo ezininzi kunene.
-
3
|2 Samuel 12:3|
Elihlwempu yayingenanto, kuphela yayinemva nazana encinane inye, ebiyizuzile, yayigcina; yakhulela kuyo nabantwana bayo ndaweni-nye, yadla eqhekezeni layo, yasela endebeni yayo, yalala esifubeni sayo, yanjengentombi yayo.
-
4
|2 Samuel 12:4|
Kwafika umhambi endodeni esisityebi eso, sanqena ukuthabatha empahleni yaso emfutshane nasezinkomeni zaso, ukulungiselela umhambi lowo ufikileyo kuso; sesuka sathabatha imvanazana yendoda elihlwempu, salungiselela umntu ofike kuso.
-
5
|2 Samuel 12:5|
Wavutha kunene umsindo kaDavide kwindoda leyo, wathi kuNatan, Ehleli nje uYehova, ngumfo wokufa loo ndoda yenze le nto.
-
6
|2 Samuel 12:6|
Iya kuyimisela ngesine imvanazana leyo, ngenxa enokuba yenze loo nto, nangenxa yokuba ingabanga nalufefe.
-
7
|2 Samuel 12:7|
Waza wathi uNatan kuDavide, Loo ndoda nguwe. Utsho uYehova uThixo kaSirayeli ukuthi, Mna ndakuthambisa ukuba ube ngukumkani kumaSirayeli, mna ndakuhlangula esandleni sikaSawule,
-
8
|2 Samuel 12:8|
ndakunika indlu yenkosi yakho, nabafazi benkosi yakho esifubeni sakho, ndakunika indlu yakwaSirayeli neyakwaYuda; ke, ukuba bekukuncinane oko, ngendikongezile ndenjenje, ndenjenje.
-
9
|2 Samuel 12:9|
Yini na ukuba ulidele ilizwi likaYehova, wenze ububi emehlweni akhe, umbulale u-Uriya umHeti ngekrele, nomkakhe umzeke abe ngumkakho, umbulale ngekrele loonyana baka-Amon?
-
10
|2 Samuel 12:10|
Ke ngoko, ikrele aliyi kumka endlwini yakho naphakade; ngenxa enokuba undidelile, wamzeka umkaUriya umHeti, wangumkakho.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7