-
-
Xhosa
-
-
1
|2 Samuel 7:1|
Kwathi, xa ukumkani ahleliyo endlwini yakhe, uYehova emphumzile ngeenxa zonke ezintshabeni zakhe zonke,
-
2
|2 Samuel 7:2|
wathi ukumkani kuNatan umprofeti, Khawukhangele, ndihleli endlwini yemisedare, ke yona ityeya kaThixo ihleli phakathi kwamalengalenga.
-
3
|2 Samuel 7:3|
Wathi uNatan kukumkani, Konke okusentliziyweni yakho, hamba uye ukwenze; ngokuba uYehova unawe.
-
4
|2 Samuel 7:4|
Kwathi ngobo busuku, lafika ilizwi likaYehova kuNatan, lisithi,
-
5
|2 Samuel 7:5|
Hamba uye kuthi kumkhonzi wam uDavide, Utsho uYehova ukuthi, Wena uya kundakhela indlu yokuba ndihlale na?
-
6
|2 Samuel 7:6|
Ngokuba andihlalanga ndlwini, kususela kwimini endabanyusayo oonyana bakaSirayeli eYiputa, kude kube nanamhla; ndaba ngohambahamba ngentente engumnquba.
-
7
|2 Samuel 7:7|
Lonke ixesha endahambahamba ngalo phakathi koonyana bonke bakaSirayeli, ndakha ndalithetha na ilizwi nakusinye isizwe sakwaSirayeli endasiwisela umthetho wokuba sibaluse abantu bam amaSirayeli, ndisithi, Yini na ukuba ningandakheli indlu yemisedare?
-
8
|2 Samuel 7:8|
Ke ngoko wotsho ukuthi kumkhonzi wam uDavide, Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Ndakuthabatha mna edlelweni, ekulandeleni impahla emfutshane, ukuba ube yinganga yabantu bam amaSirayeli;
-
9
|2 Samuel 7:9|
ndaba nawe kuko konke owahamba kuko, ndazinqumla zonke iintshaba zakho phambi kwakho, ndakwenzela igama elikhulu, njengegama labakhulu abasehlabathini;
-
10
|2 Samuel 7:10|
ndabamisela indawo abantu bam amaSirayeli, ndabatyala ukuba bahlale esikhundleni sabo, bangabi sagunqa; oonyana bobutshijolo bangabuyi babacinezele njengasekuqaleni,
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7