-
-
Xhosa
-
-
1
|2 Samuel 16:1|
UDavide egqithile kancinane encotsheni yenduli, nanko uTsibha, umfana wakwaMefibhoshete, emkha wulela, enamaesile amabini ebotshiwe, ebekwe izonka ezimakhulu mabini, nekhulu lezicumba zeerasintyisi, nekhulu leziqhamo zasehlotyeni, nentsuba yewayini.
-
2
|2 Samuel 16:2|
Wathi ukumkani kuTsibha, Uthini na ngezi zinto? Wathi uTsibha, Amaesile ngawokukhwela abendlu yokumkani, izonka neziqhamo zasehlotyeni zezokudliwa ngamadodana; iwayini yeyokuba basele abatyhafileyo entlango.
-
3
|2 Samuel 16:3|
Wathi ukumkani, Uphi na unyana wenkosi yakho? Wathi uTsibha kukumkani, Nankuya, ehleli eYerusalem; ngokuba uthi, Namhla indlu yakwaSirayeli iya kububuyisela kum ubukumkani bukabawo.
-
4
|2 Samuel 16:4|
Wathi ukumkani kuTsibha, Nanko, kukokwakho konke okukaMefibhoshete. Wathi uTsibha, Ndiyaqubuda; mandibabalwe nguwe, nkosi yam kumkani.
-
5
|2 Samuel 16:5|
Wafika ukumkani uDavide eBhahurim, nanko, kuphuma khona indoda yomzalwane wendlu kaSawule, egama linguShimehi, unyana kaGera; yaphuma yahamba itshabhisa.
-
6
|2 Samuel 16:6|
Yamxuluba ngamatye uDavide, nabakhonzi bonke bokumkani uDavide; bonke abantu namagorha onke babengasekunene nangasekhohlo kuye.
-
7
|2 Samuel 16:7|
Wathi uShimehi ukutshabhisa kwakhe, Phuma, phuma, mfondini wamagazi, mfondini ulitshijolo;
-
8
|2 Samuel 16:8|
uYehova uwabuyisele phezu kwakho onke amagazi endlu kaSawule, othe wena wangukumkani esikhundleni sakhe; uYehova ubunikele ubukumkani esandleni sika-Abhisalom, unyana wakho. Yabona, weyele ebubini bakho, ngokuba ungumfo wamagazi.
-
9
|2 Samuel 16:9|
Wathi ke uAbhishayi unyana kaTseruya kukumkani, Kungani na ukuba le nja ifileyo iyitshabhise inkosi yam ukumkani? Makhe ndiwele, ndiyinqumle intloko.
-
10
|2 Samuel 16:10|
Wathi ukumkani, Yintoni na enam nani, nina nyana bakaTseruya? Myeke atshabhise; xa uYehova athe kuye, Mtshabhise uDavide, ngubani na oya kuthi, Yini na ukuba wenjenjalo?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7