-
-
Xhosa
-
-
1
|2 Samuel 13:1|
Kwathi emveni koko, uAbhisalom unyana kaDavide enodade wabo oyinzwakazi, ogama belinguTamare, wesuka uAmnon unyana kaDavide wamthanda.
-
2
|2 Samuel 13:2|
Wabandezeleka uAmnon, ngokokude azihlisele isifo ngenxa kaTamare, udade wabo; ngokuba ebeyintombi; kwanqaba emehlweni ka-Amnon ukuba amenze into.
-
3
|2 Samuel 13:3|
Ke kaloku uAmnon ebenomhlobo, ogama belinguYonadabhi, unyana kaShimeha umkhuluwa kaDavide. UYonadabhi ebeyindoda elumke kunene.
-
4
|2 Samuel 13:4|
Wathi kuye, Yini na ukuba ube nje ukubhitya imiso ngemiso, nyana wokumkani? Akundixeleli na? Wathi uAmnon kuye, Ndithanda uTamare, udade boAbhisalom umninawa wam.
-
5
|2 Samuel 13:5|
UYonadabhi wathi kuye, Lala esililini sakho, uzigulise; ke wothi, akuza kukubona uyihlo, uthi kuye, Makhe eze uTamare udade wethu, andinike into edliwayo, ayenze phambi kwam, ukuze ndiyibone, ndiyidle esandleni sakhe.
-
6
|2 Samuel 13:6|
Walala ke uAmnon, wazigulisa. Ukumkani waya kumbona. Wathi uAmnon kukumkani, Makhe eze uTamare udade wethu, enze phambi kwam izonkana eziyolisa intliziyo, zibe zibini, ndizidle esandleni sakhe.
-
7
|2 Samuel 13:7|
Wathumela uDavide kuTamare endlwini, esithi, Khawuye endlwini ka-Amnon umnakwenu, umenzele ukudla.
-
8
|2 Samuel 13:8|
Waya uTamare endlwini ka-Amnon umnakwabo, yena elele phantsi. Wathabatha intlama, waxovula, wenza izonkana eziyolisa intliziyo phambi kwakhe, wazosa izonkana eziyolisa intliziyo.
-
9
|2 Samuel 13:9|
Wathabatha ipani, wazikhuphela phambi kwakhe; akavuma ukudla. Wathi uAmnon, Mabakhutshwe abantu bonke, baphume kum. Baphuma bonke abantu kuye.
-
10
|2 Samuel 13:10|
Wathi uAmnon kuTamare, Kuzise ekhusini apha ukudla, ndidle esandleni sakho. Wazithabatha uTamare izonkana eziyolisa intliziyo abezenzile, wazisa ekhusini kuAmnon umnakwabo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 37-38