-
-
Xhosa
-
-
1
|2 Samuel 21:1|
Ke kwabakho indlala ngemihla kaDavide iminyaka yamithathu, umnyaka ngomnyaka. UDavide wafuna ubuso bukaYehova. Wathi uYehova, Kungenxa kaSawule, nangenxa yendlu yamagazi akhe, ngenxa enokuba wabulala abaseGibheyon.
-
2
|2 Samuel 21:2|
Ukumkani wababiza ke abaseGibheyon, wathi kubo (ke kaloku abaseGibheyon babengengabonyana bakaSirayeli, babengamaqongqolo ama-Amori; oonyana bakaSirayeli babewaqinisise ngesifungo; uSawule wafuna ukuwabulala ngokuzondelela kwakhe amaSirayeli namaYuda):
-
3
|2 Samuel 21:3|
wathi ke uDavide kwabaseGibheyon, Ndinenzele ntoni na? Ndicamagushe ngantoni na, ukuze nilisikelele ilifa likaYehova?
-
4
|2 Samuel 21:4|
Bathi abaseGibheyon kuye, Akunathi ukubiza isilivere negolide kuSawule nakwindlu yakhe; akunathi ukubulala umntu kwaSirayeli. Wathi kubo, Nithi ke, mandinenzele ntoni na?
-
5
|2 Samuel 21:5|
Bathi kukumkani, Indoda eyasigqibayo, eyagqiba kwelokuba sitshatyalaliswe, singemi emdeni wonke wakwaSirayeli,
-
6
|2 Samuel 21:6|
makunikelwe kuthi isixhenxe samadoda koonyana bayo, siwabethelele eminqamlezweni kuYehova eGibheha kaSawule, umnyulwa kaYehova. Wathi ukumkani, Ndowanikela mna.
-
7
|2 Samuel 21:7|
Ke ukumkani wamsindisa uMefibhoshete, unyana kaYonatan, unyana kaSawule, ngenxa yesifungo sikaYehova esibe siphakathi kwabo, phakathi koDavide noYonatan unyana kaSawule.
-
8
|2 Samuel 21:8|
Ukumkani wathabatha oonyana ababini bakaRitspa intombi ka-Aya, awayizalela uSawule, uArmoni noMefibhoshete; noonyana abahlanu bakaMeribha intombi kaSawule, awabazalela uAdriyeli unyana kaBharzilayi waseMehola.
-
9
|2 Samuel 21:9|
Wabanikela esendleni sabaseGibheyon, ababethelela eminqamlezweni entabeni phambi koYehova, sawa kunye isixhenxe eso. Babulawa bona ngeemini zokuqala zokuvuna, ekuqaleni kokuvunwa kwerhasi.
-
10
|2 Samuel 21:10|
URitspa, intombi ka-Aya, wathabatha ingubo erhwexayo, wazanekela eweni, esusela ekuqaleni kokuvuna, wezisa ekuthululweni kwamanzi ezulwini phezu kwabo; akavuma ukuba iintaka zezulu zithi vu phezu kwabo emini, namarhamncwa asendle ebusuku.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7