-
-
Xhosa
-
-
21
|2 Samuel 12:21|
Bathi abakhonzi bakhe kuye, Yintoni na le nto uyenzileyo? Oko ebesahleli umntwana, wazila ukudla, walila; akuba efile umntwana, uvukile wadla ukudla.
-
22
|2 Samuel 12:22|
Wathi yena, Xa ebesahleli umntwana, ndazila ukudla, ndalila; ngokuba bendisithi, Ngubani na owaziyo? Mhlawumbi uYehova angandibabala, aphile umntwana.
-
23
|2 Samuel 12:23|
Efile nje kaloku, yini na ukuba ndibe ndisazila ukudla? Ndisenako yini na ukumbuyisa? Ndiya kuya kuye mna, yena akayi kubuyela kum.
-
24
|2 Samuel 12:24|
UDavide wamthuthuzela uBhatshebha umkakhe; wangena kuye, walala naye; wazala unyana, wathi igama lakhe nguSolomon.
-
25
|2 Samuel 12:25|
Ke uYehova wamthanda; wathumela ngesandla sikaNatan umprofeti, wathi, Igama lakhe nguYedidiya, ngenxa kaYehova.
-
26
|2 Samuel 12:26|
Ke kaloku uYowabhi walwa neRabha yoonyana baka-Amon, wawuthimba umzi wakomkhulu lowo.
-
27
|2 Samuel 12:27|
UYowabhi wathuma abathunywa kuDavide, esithi, Ndilwile neRabha, kananjalo ndiwuthimbile umzi wamanzi.
-
28
|2 Samuel 12:28|
Hlanganisa ngoko abantu abaseleyo, uwurhawule umzi, uwuthimbe; hleze mna ndiwuthimbe lo mzi, ubizwe ngam.
-
29
|2 Samuel 12:29|
Wabahlanganisa uDavide bonke abantu, waya eRabha, walwa nayo, wayithimba.
-
30
|2 Samuel 12:30|
Wasithabatha isithsaba sokumkani wabo entlokweni yakhe; ubunzima baso bebuyitalente yegolide, sinamatye anqabileyo; saba sentlokweni kaDavide. Waphuma namaxhoba aloo mzi, aba maninzi kunene.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21