-
-
Xhosa
-
-
11
|2 Samuel 12:11|
Utsho uYehova ukuthi, Ndikuvelisela ububi obuya kuphuma endlwini yakho: ndibathabathe abafazi bakho emehlweni akho, ndibanike ummelwane wakho, alale nabafazi bakho phambi kwelanga eli.
-
12
|2 Samuel 12:12|
Ekubeni wena ukwenze oku ngasese, ke mna ndiya kuyenza le nto phambi kwamaSirayeli onke, naphambi kwelanga eli.
-
13
|2 Samuel 12:13|
Wathi uDavide kuNatan, Ndonile kuYehova. Wathi uNatan kuDavide, Naye uYehova usikhwelelisile isono sakho, akuyi kufa.
-
14
|2 Samuel 12:14|
Kodwa ke, ngenxa yokuba uzinike ithuba lokunyelisa iintshaba zikaYehova ngale nto, ke unyana omzalelweyo ngulo mfazi uya kufa ngenene.
-
15
|2 Samuel 12:15|
Waya uNatan endlwini yakhe. UYehova wamhlisela isifo umntwana abemzalelwe uDavide ngumkaUriya; wagula kakhulu.
-
16
|2 Samuel 12:16|
UDavide wambongoza uThixo ngenxa yenkwenkwe leyo; uDavide wazila ukudla, waqungquluza emhlabeni bonke ubusuku.
-
17
|2 Samuel 12:17|
Asuka ema amadoda amakhulu endlu yakhe, emvusa emhlabeni; akavuma, akadla sonka nawo.
-
18
|2 Samuel 12:18|
Kwathi ngomhla wesixhenxe, wafa umntwana. Boyika abakhonzi bakaDavide ukumxelela ukuba umntwana ufile; ngokuba babesithi, Yabonani, oko umntwana ebesahleli, sathetha naye, akaliphulaphula ilizwi lethu; sothini na ukuthi kuye, Ufile umntwana, aze enze into embi?
-
19
|2 Samuel 12:19|
Wabona uDavide ukuba abakhonzi bakhe bayasebezelana, waqonda uDavide ukuba ufile umntwana; wathi uDavide kubakhonzi bakhe, Ufile na umntwana? Bathi, Ufile.
-
20
|2 Samuel 12:20|
Wesuka uDavide emhlabeni, wazihlamba, wazithambisa, wanxiba ngubo zimbi, waya endlwini kaYehova, waqubuda; weza endlwini yakhe, wabiza ukudla; babeka phambi kwakhe, wadla.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21