-
-
Xhosa
-
-
21
|2 Samuel 11:21|
wabethwa ngubani na uAbhimeleki unyana kaYerubheshete? akagityiselwanga na yinkazana ngelitye lokusila eludongeni, wafela eTebhetse? ibiyini na ukuba nisondele kangaka eludongeni? uthi wena, Nomkhonzi wakho u-Uriya umHeti ufile naye.
-
22
|2 Samuel 11:22|
Wahamba ke umthunywa, waya, wamxelela uDavide konke uYowabhi abemthume khona.
-
23
|2 Samuel 11:23|
Wathi umthunywa kuDavide, Athi akuseyisa thina amadoda, aphuma eza kuthi phandle; saba phezu kwawo ke, sada sesa ekungeneni kwesango;
-
24
|2 Samuel 11:24|
batola abatoli kubakhonzi bakho beseludongeni, kwafa inxenye kubakhonzi bokumkani; umkhonzi wakho u-Uriya umHeti ufile naye.
-
25
|2 Samuel 11:25|
Wathi uDavide kumthunywa lowo, Wotsho kuYowabhi ukuthi, Mayingabi mbi emehlweni akho le ndawo; ngokuba ikrele eli lidla kulo nakulowa. Komeleze ukulwa kwakho, nomzi lowo uwuchithe; uze umomeleze ke.
-
26
|2 Samuel 11:26|
Weva umkaUriya ukuba ufile u-Uriya indoda yakhe, wayimbambazelela indoda yakhe.
-
27
|2 Samuel 11:27|
Lakudlula ixesha lezila lakhe, wathumela uDavide, wamthabathela endlwini yakhe, waba ngumkakhe, wamzalela unyana. Ke loo nto wayenzayo uDavide yaba mbi emehlweni kaYehova.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40