-
-
Xhosa
-
-
11
|2 Samuel 11:11|
Wathi u-Uriya kuDavide, Ityeya namaSirayeli namaYuda ahleli eminqubeni, nenkosi yam uYowabhi nabakhonzi benkosi yam bahleli endle; mna ndiye endlwini yam, ndidle, ndisele, ndilale nomkam? Uhleli nje wena, uhleli nje umphefumlo wakho, andiyi kuyenza loo nto.
-
12
|2 Samuel 11:12|
Wathi uDavide ku-Uriya, Hlala apha nanamhla, ndokundulula ngomso. Wahlala ke u-Uriya eYerusalem ngaloo mhla nangengomso.
-
13
|2 Samuel 11:13|
UDavide wammema: wadla, wasela phambi kwakhe; wamnxilisa. Waphuma ngokuhlwa, waya kulala esililini sakhe nabakhonzi benkosi yakhe; akehla aye endlwini yakhe.
-
14
|2 Samuel 11:14|
Kwathi kusasa, uDavide wabhala incwadi kuYowabhi, wayithumela ngesandla sikaUriya.
-
15
|2 Samuel 11:15|
Wabhala ke encwadini, wathi, Mbekeni u-Uriya kweyona ndawo ishushu, angasisichenge kuyo emfazweni, nibuye umva, ukuze abinzwe afe.
-
16
|2 Samuel 11:16|
Kwathi, ekuwungqingeni kukaYowabhi umzi lowo, wambeka u-Uriya kwindawo abesazi ukuba akuyo amadoda angamakroti.
-
17
|2 Samuel 11:17|
Aphuma amadoda aloo mzi, alwa noYowabhi; kwawa abantu kubakhonzi bakaDavide; wafa noUriya umHeti.
-
18
|2 Samuel 11:18|
Wathumela uYowabhi kuDavide, wamxelela zonke iindaba zemfazwe.
-
19
|2 Samuel 11:19|
Wamwisela umthetho umthunywa, esithi, Xa ugqibileyo ukuzenza zonke iindaba zemfazwe kukumkani, wothi,
-
20
|2 Samuel 11:20|
ukuba buthe benyuka ubushushu bokumkani, wathi kuwe, Ibiyini na ukuba nisondele kangaka kuloo mzi ngokulwa? beningazi na ukuba botola beseludongeni?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40