-
-
Xhosa
-
-
11
|2 Samuel 15:11|
Kwaphuma eYerusalem, kwahamba noAbhisalom, amakhulu amabini amadoda amenyiweyo; ayehamba eyeke umzimba, engazi nto.
-
12
|2 Samuel 15:12|
UAbhisalom wathumela, wabiza uAhitofele waseGilo, umphakathi kaDavide, emzini wakhe eGilo, ebingelela imibingelelo. Laba namandla elo yelenqe; kuba abantu baya besanda kuAbhisalom.
-
13
|2 Samuel 15:13|
Kwafika umntu, wamxelela uDavide, esithi, Iintliziyo zamadoda akwaSirayeli zilandele uAbhisalom.
-
14
|2 Samuel 15:14|
Wathi uDavide kubakhonzi bakhe bonke abenabo eYerusalem, Sukani sibaleke; ngokuba asiyi kuba nakusinda ebusweni buka-Abhisalom. Khawulezani simke, hleze akhawuleze, asifikele, asihlisele ububi, awuxabele umzi ngohlangothi lwekrele.
-
15
|2 Samuel 15:15|
Bathi abakhonzi bokumkani kukumkani, Entweni yonke, eya kuyinyula inkosi yethu ukumkani, naba bekho abakhonzi bakho.
-
16
|2 Samuel 15:16|
Waphuma ukumkani, indlu yakhe yonke imlandela. Ukumkani washiya ishumi lamashweshwe, ukuze ayigcine indlu.
-
17
|2 Samuel 15:17|
Waphuma ke ukumkani, bemlandela abantu bonke; bema eBhete-meraki;
-
18
|2 Samuel 15:18|
bonke abakhonzi bakhe behamba ecaleni lakhe, nabancinithi bonke, nezigidimi zonke, nabaseGati bonke: amakhulu amathandathu amadoda, awaye emlandela evela eGati, agqitha phambi kokumkani.
-
19
|2 Samuel 15:19|
Wathi ukumkani kuItayi waseGati, Yini na ukuba nawe uhambe nathi? Buya, uhlale nokumkani; ngokuba ungowasemzini, ungumfiki, buyela endaweni yakho;
-
20
|2 Samuel 15:20|
ungathi, ufike izolo eli, ndikubhadulise nanamhla, ndikuhambise nathi na, ndisiya apho ndingaya khona nje? Buya, ubuyise abazalwana bakho; inceba nenyaniso ibe nawe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Romanos 1-4