-
-
Xhosa
-
-
21
|2 Samuel 18:21|
Wathi uYowabhi kuKushi, Hamba uye kumxelela ukumkani okubonileyo. Waqubuda uKushi kuYowabhi, wagidima ke.
-
22
|2 Samuel 18:22|
Wabuya waphinda uAhimahatse, unyana kaTsadoki, wathi kuYowabhi, Nokuba kutheni, makhe ndimlandele nam uKushi. Wathi uYowabhi, Yini na ukuba ugidime, nyana wam, ungenazindaba zilungileyo zinanzuzo nje?
-
23
|2 Samuel 18:23|
Wathi, Nokuba kutheni, mandigidime. Wathi kuye, Gidima. Wagidima ke uAhimahatse ngendlela yaloo mmandla, wegqitha kuKushi.
-
24
|2 Samuel 18:24|
Ke uDavide ebehleli phakathi kwamasango amabini. Umlindi waya emphezulwini wesango eludongeni, waphakamisa amehlo akhe, wakhangela, nanko kusiza indoda, ibaleka iyodwa.
-
25
|2 Samuel 18:25|
Wamemeza umlindi, waxelela ukumkani. Wathi ukumkani, Ukuba iyodwa, ineendaba ezilungileyo emlonyeni wayo. Yeza isiza yasondela.
-
26
|2 Samuel 18:26|
Umlindi wabona enye indoda ibaleka; umlindi wamemeza esangweni, wathi, Nantsiya indoda ibaleka iyodwa. Wathi ukumkani, Naleyo ingumshumayeli weendaba ezilungileyo.
-
27
|2 Samuel 18:27|
Wathi umlindi, Ndikubona ukubaleka kwephambili kufana nokubaleka kuka-Ahimahatse, unyana kaTsadoki. Wathi ukumkani, Yindoda elungileyo leyo, iza neendaba ezilungileyo.
-
28
|2 Samuel 18:28|
Wamemeza uAhimahatse, wathi kukumkani, Hlala kakuhle. Waqubuda ngobuso emhlabeni kukumkani, wathi, Makabongwe uYehova uThixo wakho, owanikeleyo amadoda asiphakamisileyo isandla sawo enkosini yam ukumkani.
-
29
|2 Samuel 18:29|
Wathi ukumkani, Ihleli kakuhle na indodana uAbhisalom? Wathi uAhimahatse, Ndibone ingxokolo enkulu, ekumthumeni kukaYowabhi umkhonzi kakumkani, nomkhonzi wakho lo, ndingazi ukuba yintoni na.
-
30
|2 Samuel 18:30|
Wathi ukumkani, Shenxela ecaleni, ume apha. Washenxa wema.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21