-
-
Xhosa
-
-
21
|2 Samuel 19:21|
Waphendula uAbhishayi unyana kaTseruya, wathi, UShimehi akayi kubulawa na ngalaa nto, ngokuba wamtsha bhisayo umthanjiswa kaYehova?
-
22
|2 Samuel 19:22|
Wathi uDavide, Yintoni na enam nani, nina nyana bakaTseruya, ngokuba ningabachasi bam namhla? Kukho mntu na kwaSirayeli apha uya kubulawa namhla? Ngokuba andazi yini na, ukuba ndingukumkani kwaSirayeli namhlanje?
-
23
|2 Samuel 19:23|
Wathi ukumkani kuShimehi, Akuyi kufa. Ukumkani wamqinisisa ngesifungo.
-
24
|2 Samuel 19:24|
Ke uMefibhoshete, unyana kaSawule, wehla waya kumkhawulela ukumkani, engazihlambanga iinyawo zakhe, engazichazanga iindevu zakhe, engazihlambanga neengubo zakhe, kususela kwimini yokumka kokumkani, kwada kwayimini yokufika kwakhe enoxolo.
-
25
|2 Samuel 19:25|
Kwathi, ekufikeni kwakhe eYerusalem, eza kukhawulela ukumkani, wathi ukumkani kuye, Ibiyini na ukuba ungahambi nam, Mefibhoshete?
-
26
|2 Samuel 19:26|
Wathi, Nkosi yam kumkani, umkhonzi wam lowa undikhohlisile; ngokuba umkhonzi wakho lo undim ubesithi, Ndiya kuzibophela iesile, ndikhwele kulo, ndihambe nokumkani; ngokuba umkhonzi wakho lo undim usisiqhwala.
-
27
|2 Samuel 19:27|
Wesuka yena wamhleba umkhonzi wakho lo undim enkosini yam ukumkani. Inkosi yam ukumkani injengesithunywa sikaThixo; yenza okulungileyo emehlweni akho.
-
28
|2 Samuel 19:28|
Ngokuba yonke indlu kabawo ibingento yimbi enkosini yam ukumkani, ibingabantu bokufa; wena wambeka umkhonzi wakho lo undim phakathi kwabadla etafileni yakho. Ndisenabango lini na ke, ndisenakukhala ngantoni na kukumkani?
-
29
|2 Samuel 19:29|
Wathi ukumkani kuye, Usathethela ntoni na ngeendawo zakho? Ndithe, Yahlulelanani ngomhlaba lowo wena noTsibha.
-
30
|2 Samuel 19:30|
Wathi uMefibhoshete kukumkani, Makawuthabathe wonke, iselifikile nje inkosi yam ukumkani inoxolo endlwini yayo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40