-
-
Xhosa
-
-
11
|2 Samuel 1:11|
Wazibamba uDavide iingubo zakhe, wazikrazula, kwanamadoda akhe onke abenawo;
-
12
|2 Samuel 1:12|
bammbambazelela, balila, bakuzila ukudla kwada kwahlwa, ngenxa kaSawule, nangenxa kaYonatan unyana wakhe, nangenxa yabantu bakaYehova, nangenxa yendlu kaSirayeli; ngokuba bewile likrele.
-
13
|2 Samuel 1:13|
Wathi uDavide kwindodana ebimxelela, Ungowaphi na? Yathi, Ndingunyana wendoda engumhambi, umAmaleki.
-
14
|2 Samuel 1:14|
Wathi uDavide kuyo, Utheni ukuba ungoyiki ukusa isandla sakho, umbulale umthanjiswa kaYehova?
-
15
|2 Samuel 1:15|
UDavide wabiza enye yakumadodana, wathi, Sondela, uyibulale. Yayixabela ke, yafa.
-
16
|2 Samuel 1:16|
Wathi ke uDavide kuyo, Igazi lakho malibe sentlokweni yakho; ngokuba umlomo wakho ulingqina ngawe, usithi, Mna ndimbulele umthanjiswa kaYehova.
-
17
|2 Samuel 1:17|
Ke kaloku uDavide wasenza esi simbonono ngoSawule nangoYonatan unyana wakhe,
-
18
|2 Samuel 1:18|
wathi mabayifundiswe oonyana bakaYuda ingoma leyo yesaphetha; nantso ibhaliwe encwadini yOthe Tye.
-
19
|2 Samuel 1:19|
Imbalarha, Sirayeli, ibulewe emimangweni yakho! Hayi, ukuwa kwamagorha! Musani ukuxela eGati;
-
20
|2 Samuel 1:20|
Musani ukwenza zindaba ezitratweni zeAshkelon, Hleze zivuye iintombi zamaFilisti, Hleze zivuyelele iintombi zabangalukileyo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 17-19