-
-
Xhosa
-
-
11
|2 Samuel 2:11|
Inani lemihla uDavide abengukumkani kwindlu yakwaYuda eHebron, libe liyiminyaka esixhenxe eneenyanga ezintandathu.
-
12
|2 Samuel 2:12|
Waphuma uAbhinere unyana kaNere, nabakhonzi bakaIshbhoshete, unyana kaSawule, eMahanayim, baya eGibheyon.
-
13
|2 Samuel 2:13|
Baphuma uYowabhi unyana kaTseruya, nabakhonzi bakaDavide, baqubisana nabo echibini laseGibheyon. Bahlala aba echibini ngapha, bahlala abaya echibini ngaphaya.
-
14
|2 Samuel 2:14|
Wathi uAbhinere kuYowabhi, Amadodana makakhe asuke adlale phambi kwethu. Wathi uYowabhi, Makasuke.
-
15
|2 Samuel 2:15|
Kwesuka kwawela amanani: ishumi elinamabini lakwaBhenjamin, lakwaIshbhoshete unyana kaSawule, neshumi elinamabini kubakhonzi bakaDavide.
-
16
|2 Samuel 2:16|
Yaba ngulowo wabamba ummelwane wakhe ngentloko, nekrele lakhe lela ecaleni lowabo; bawa kunye ndaweni-nye. Kwathiwa ke le ndawo yiHelekati-hatsurim eseGibheyon.
-
17
|2 Samuel 2:17|
Kwaliwa kakhulu ngaloo mini. Wagxothwa uAbhinere namadoda akwaSirayeli phambi kwabakhonzi bakaDavide.
-
18
|2 Samuel 2:18|
Babelapho bobathathu oonyana bakaTseruya: uYowabhi, noAbhishayi, noAsaheli. Ke uAsaheli waye enamendu, enjengebhadi lasendle.
-
19
|2 Samuel 2:19|
UAsaheli wamsukela uAbhinere; akathi gu bucala aye ngasekunene nangasekhohlo emva koAbhinere.
-
20
|2 Samuel 2:20|
Wabheka uAbhinere, wathi, UnguAsaheli na? Wathi yena, Ndinguye.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40