-
-
Xhosa
-
-
11
|2 Samuel 8:11|
Ukumkani uDavide wazingcwalisela kuYehova kananjalo ezo, kunye nesilivere negolide abeyingcwalisile, eyavela ezintlangeni zonke awazeyisayo:
-
12
|2 Samuel 8:12|
kuma-Aram, nakumaMowabhi, nakoonyana baka-Amon, nakumaFilisti, nakuma-Amaleki, nakumaxhoba kaHadadezere unyana kaRehobhi, ukumkani weTsobha.
-
13
|2 Samuel 8:13|
Wazenzela igama uDavide ekubuyeni kwakhe ekuwaxabeleni ama-Aram eSihlanjeni seTyuwa, ebulele ishumi elinesibhozo lamawaka.
-
14
|2 Samuel 8:14|
Wamisa ikampu kwelamaEdom; wamisa ikampu kwelamaEdom lonke, aba ngabakhonzi kuDavide onke amaEdom. UYehova wamsindisa uDavide ezindaweni zonke awahamba kuzo.
-
15
|2 Samuel 8:15|
Waye engukumkani ke uDavide kumaSirayeli onke. Waye uDavide esenza okusesikweni nobulungisa ebantwini bakhe bonke.
-
16
|2 Samuel 8:16|
Ke uYowabhi, unyana kaTseruya, wayephethe umkhosi; noYehoshafati, unyana ka-Ahiludi, wayengumkhumbuzi wezinto zakomkhulu.
-
17
|2 Samuel 8:17|
UTsadoki unyana ka-Ahitubhi, noAhimeleki unyana ka-Abhiyatare, baye bengababingeleli; uSeraya waye engumbhali;
-
18
|2 Samuel 8:18|
uBhenaya, unyana kaYehoyada, ubephethe abancinithi nezigidimi. Oonyana bakaDavide babengababingeleli.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10