-
-
Xhosa
-
-
11
|Apocalipsis 8:11|
Igama lenkwenkwezi leyo kuthiwa nguMhlonyane; saza isahlulo sesithathu samanzi saba ngumhlonyane; yathi into eninzi yabantu yafa ngawo amanzi, ngokuba aba krakra.
-
12
|Apocalipsis 8:12|
Sathi esesine isithunywa savuthela ixilongo, saza sabethwa isahlulo sesithathu selanga, nesahlulo sesithathu senyanga, nesahlulo sesithathu seenkwenkwezi, ukuze isahlulo sesithathu sazo sibe mnyama, sithi isahlulo sesithathu sayo imini singakhanyi, bube njalo nobusuku.
-
13
|Apocalipsis 8:13|
Ndabona, ndeva olunye ukhozi luphaphazela esazulwini samazulu, lusithi ngezwi elikhulu, Yeha! yeha! yeha! abo bemiyo phezu komhlaba, ngawo amazwi aseleyo exilongo lezithunywa ezithathu, ezisaza kuvuthela amaxilongo.
-
1
|Apocalipsis 9:1|
Sathi esesihlanu isithunywa savuthela ixilongo; ndabona inkwenkwezi iphuma ezulwini, yawela emhlabeni; sanikwa isitshixo sequla lenzonzobila.
-
2
|Apocalipsis 9:2|
Salivula iqula lenzonzobila. Kwenyuka umsi uphuma equleni apho, njengomsi weziko elikhulu, lamnyama ilanga nesibhakabhaka ngumsi wequla elo.
-
3
|Apocalipsis 9:3|
Emsini apho kwaphuma iinkumbi, ezeza emhlabeni, zanikwa igunya, njengokuba benegunya oonomadudwane bomhlaba.
-
4
|Apocalipsis 9:4|
Kwathiwa kuzo, ize utyani bomhlaba zingaboni, nanye into eluhlaza, nanye into engumthi; ibe ngabantu bodwa, bona abo bangenalo itywina likaThixo emabunzini abo.
-
5
|Apocalipsis 9:5|
Zanikwa igunya lokungababulali, bathuthunjelwe nje kodwa iinyanga ezintlanu; intuthumbo yazo yayinjengentuthumbo yoonomadudwane, xa athe wamhlaba umntu.
-
6
|Apocalipsis 9:6|
Ngaloo mihla abantu baya kukufuna ukufa, bangakufumani; baya kukunqwenela ukufa, kusuke ukufa kusabe kubo.
-
7
|Apocalipsis 9:7|
Iimfano zeenkumbi ezo, zibe zifana namahashe, elungiselwe imfazwe, ezintloko izizithsaba ezifana negolide, nobuso bazo bunjengobuso babantu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7