-
-
Xhosa
-
-
18
|Apocalipsis 9:18|
Ngezo nto zontathu sabulawa isahlulo sesithathu sabantu ngomlilo, nangomsi, nangesulfure, ezaphumayo emlonyeni wawo.
-
19
|Apocalipsis 9:19|
Kuba amagunya awo asemlonyeni wawo nasemisileni yawo; kuba imisila yawo ifana neenyoka, ineentloko; ngayo ayonakalisa.
-
20
|Apocalipsis 9:20|
Amasalela abantu, abangabulawanga ngazo ezo zibetho, akaguqukanga emisebenzini yezandla zawo, ukuze angaqubudi kuzo iidemon, nezithixo zegolide, nezesilivere, nezobhedu, nezamatye, nezemithi, ezingenako nokubona, nokuva, nokuhamba;
-
21
|Apocalipsis 9:21|
akaguqukanga nasekubulaleni kwawo, nasekukhafuleni kwawo, nasembulweni wawo, nasebuseleni bawo.
-
1
|Apocalipsis 10:1|
Ndabona esinye isithunywa sezulu esinamandla, sisihla ezulwini, sithiwe wambu ngelifu; kukho umnyama entloko, ubuso baso bungathi lilanga, iinyawo zaso zingathi ziintsika zomlilo.
-
2
|Apocalipsis 10:2|
Esandleni saso saye sinencwadana ivulekile. Salumisa unyawo lwaso lokunene phezu kolwandle, ke olokhohlo phezu komhlaba;
-
3
|Apocalipsis 10:3|
sadanduluka ngezwi elikhulu, ngathi yingonyama igquma. Sathi sakudanduluka, iindudumo ezisixhenxe zazivakalisa izandi zazo.
-
4
|Apocalipsis 10:4|
Xa iindudumo ezisixhenxe zazivakalisayo izandi zazo, ndandiza kubhala; ndaza ndeva izwi liphuma emazulwini, lisithi kum, Zitywine izinto ezizivakalisileyo iindudumo ezisixhenxe, ungazibhali zona.
-
5
|Apocalipsis 10:5|
Saza isithunywa sezulu, endasibonayo simi phezu kolwandle na phezu komhlaba, sasiphakamisela ezulwini isandla saso,
-
6
|Apocalipsis 10:6|
safunga lowo udla ubomi, ase emaphakadeni asemaphakadeni, owadala izulu nezinto ezikulo, nomhlaba nezinto ezikuwo, nolwandle nezinto ezikulo, ukuthi, Akuyi kuba sabakho xesha.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7