-
-
Xhosa
-
-
8
|Apocalipsis 9:8|
Zaye zineenwele ezingathi ziinwele zamankazana, namazinyo azo engathi ngawengonyama.
-
9
|Apocalipsis 9:9|
Zaye zinezigcina-zifuba ezingathi zizigcina-zifuba zentsimbi, isandi samaphiko azo singathi sisandi seenqwelo zamahashe amaninzi, ebaleka esiya emfazweni.
-
10
|Apocalipsis 9:10|
Zinemisila efana neyoonomadudwane, kukho nezamvila emisileni yazo; igunya lazo lilelokona abantu iinyanga ezintlanu.
-
11
|Apocalipsis 9:11|
Zinokumkani phezu kwazo, usisithunywa senzonzobila, ogama lakhe ngesiHebhere linguAbhadon, ngesiGrike unegama elinguApoliyon.
-
12
|Apocalipsis 9:12|
Owokuqala uyeha udlule; yabona, kuza ooyeha ababini emva koko.
-
13
|Apocalipsis 9:13|
Sathi esesithandathu isithunywa savuthela ixilongo, ndeva izwi liphuma ezimpondweni zone zesibingelelo segolide esisemehlweni kaThixo,
-
14
|Apocalipsis 9:14|
lisithi kwisithunywa sesithandathu esasinexilongo, Zikhulule izithunywa ezine ezikhonkxwe emlanjeni omkhulu ongumEfrati.
-
15
|Apocalipsis 9:15|
Zaza zakhululwa izithunywa zozine, ezazilungiselwe ilixa nemini nenyanga nomnyaka, ukuze zibulale isahlulo sesithathu sabantu.
-
16
|Apocalipsis 9:16|
Laye inani lemikhosi yamahashe lizizigidi zezigidi eziphindeke kabini; ndaliva inani layo.
-
17
|Apocalipsis 9:17|
Ndawabona ngokunjalo amahashe embonweni lowo, nabo babehleli phezu kwawo, benezigcina-zifuba ezimlilo, nezimsi, nezisulfure; iintloko zamahashe zingathi ziintloko zeengonyama, emlonyeni wawo kuphuma umlilo, nomsi, nesulfure.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7