-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Éxodo 32:1|
Ke babona abantu ukuba uMoses ulibele, akehli entabeni; bababizela ndawonye abantu kuAron, bathi kuye, Sukume, usenzele uthixo oya kuhamba phambi kwethu; kuba lo Moses, le ndoda yasinyusayo ezweni laseYiputa, asazi ukuba uhlelwe yintoni na.
-
2
|Éxodo 32:2|
Wathi uAron kubo, Qhawulani amajikazi egolide, asezindlebeni zabafazi benu, noonyana benu, neentombi zenu, niwazise kum.
-
3
|Éxodo 32:3|
Bawaqhawula ke abantu bonke amajikazi egolide abesezindlebeni zabo, bawazisa kuAron.
-
4
|Éxodo 32:4|
Wawathabatha ezandleni zabo, wayikrola igolide ngentlabo, wayenza ithole elityhidiweyo. Bathi, Nanko uthixo wakho, Sirayeli, okunyusileyo ezweni laseYiputa!
-
5
|Éxodo 32:5|
Wabona uAron, wakha isibingelelo phambi kwalo; wadanduluka uAron wathi, Ngumthendeleko kuYehova ngomso.
-
6
|Éxodo 32:6|
Bavuka kusasa ngengomso, banyusa amadini anyukayo, basondeza imibingelelo yoxolo; bahlala phantsi abantu, badla basela, besuka bema, badlala.
-
7
|Éxodo 32:7|
Wathi uYehova kuMoses, Hamba uhle; kuba abantu bakho, owabanyusayo ezweni laseYiputa, bonakalisile;
-
8
|Éxodo 32:8|
batyeke msinya endleleni endabawisela umthetho ngayo; bazenzele ithole elityhidiweyo, balinqula, babingelela kulo, bathi, Nanko uthixo wakho, Sirayeli, okunyusileyo ezweni laseYiputa.
-
9
|Éxodo 32:9|
Wathi uYehova kuMoses, Ndibakhangele aba bantu; uyabona, ngabantu abantamo ilukhuni.
-
10
|Éxodo 32:10|
Kaloku ndiyeke, uvuthe umsindo wam kubo, ndibadle, ndenze wena uhlanga olukhulu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Josué 18-21