-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Éxodo 32:21|
Wathi uMoses kuAron, Benze ntoni na aba bantu kuwe, ukuba ubazisele isono esikhulu kangaka?
-
22
|Éxodo 32:22|
Wathi uAron, Umsindo wenkosi yam mawungavuthi. Wena uyabazi aba bantu, ukuba banobubi.
-
23
|Éxodo 32:23|
Bathi kum, Senzele uthixo oya kuhamba phambi kwethu; kuba lo Moses, le ndoda yasinyusayo ezweni laseYiputa, asazi ukuba uhlelwe yintoni na.
-
24
|Éxodo 32:24|
Ndathi kubo, Ubani onegolide makayiqhawule; bandinika ke. Ndayiphosa emlilweni kwaphuma eli thole.
-
25
|Éxodo 32:25|
Wababona uMoses abantu, ukuba baqhawule umkhala (kuba uAron ebebaqhawulisile umkhala, ukuba babe yintlekisa phakathi kwabo bachasene nabo);
-
26
|Éxodo 32:26|
wema uMoses ekungeneni eminqubeni, wathi, OngakuYehova makeze kum apha. Bantontelana kuye bonke oonyana bakaLevi.
-
27
|Éxodo 32:27|
Wathi kubo, Utsho uYehova uThixo wakwaSirayeli, ukuthi, Mabanxibe elowo ikrele lakhe ethangeni lakhe, bathunge bephuma emasangweni eminquba, babulale elowo umzalwana wakhe, elowo uwabo, elowo ummelwane wakhe.
-
28
|Éxodo 32:28|
Benza oonyana bakaLevi ngokwelizwi likaMoses; kwawa ebantwini loo mini ngathi ngamawaka omathathu amadoda.
-
29
|Éxodo 32:29|
Wathi uMoses, Zimiseleni namhla kuYehova, ukuba umntu achase unyana wakhe nomzalwana wakhe, ithotywe namhla intsikelelo phezu kwenu.
-
30
|Éxodo 32:30|
Kwathi ngengomso, uMoses wathi ebantwini, Nonile nina, nenza isono esikhulu; ndiya kunyuka ngoku ndiye kuYehova; mhlawumbi ndingacamagusha ngenxa yesono senu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Josué 18-21