-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Éxodo 32:11|
UMoses wambongoza uYehova uThixo wakhe, wathi, Yini na, Yehova, ukuba uvuthe umsindo wakho kubantu bakho, obakhuphileyo ezweni laseYiputa ngamandla amakhulu, nangesandla esithe nkqi?
-
12
|Éxodo 32:12|
Yini na ukuba amaYiputa atsho ukuthi, Wabakhuphela ububi, ukuze ababulalele ezintabeni, abagqibele bemke emhlabeni? Buya ekuvutheni komsindo wakho, uzohlwaye ngobubi obo ngenxa yabantu bakho.
-
13
|Éxodo 32:13|
Khumbula uAbraham noIsake noSirayeli, abakhonzi bakho, owazifunga ngokwakho kubo, wathi kubo, Ndiya kuyandisa imbewu yenu ibe njengeenkwenkwezi zezulu, neli lizwe lonke ndithethileyo ngalo, ndiya kulinika imbewu yenu, ilidle ilifa ngonaphakade.
-
14
|Éxodo 32:14|
Wazohlwaya ke uYehova ngobubi abethe uya kubenza ebantwini bakhe.
-
15
|Éxodo 32:15|
Wajika uMoses, wehla entabeni, enamacwecwe omabini esingqino esandleni sakhe, amacwecwe lawo ebhalwe ngamacala omabini, ebhalwe ngapha nangapha.
-
16
|Éxodo 32:16|
Amacwecwe lawo ebengumsebenzi kaThixo, nombhalo lowo ubungumbhalo kaThixo ukroliwe emacwecweni.
-
17
|Éxodo 32:17|
Waliva uYoshuwa izwi labantu ekudumeni kwabo, wathi kuMoses, Lilizwi lemfazwe eminqubeni.
-
18
|Éxodo 32:18|
Wathi yena, Asilizwi lakuduma kwabeyisayo, asilizwi lakukhala kwabeyiswayo; lilizwi labahlabelayo nabavumayo, endilivayo mna.
-
19
|Éxodo 32:19|
Kwathi, xa asondelayo eminqubeni, walibona ithole nomdudo. Wavutha umsindo kaMoses, wawalahla amacwecwe, wawaqhekeza emazantsi entaba.
-
20
|Éxodo 32:20|
Walithabatha ithole ababelenzile, walitshisa ngomlilo, walisila lada lacoleka, waligcwayela emanzini, waseza oonyana bakaSirayeli.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Josué 18-21