-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Ezequiel 14:1|
Kwafika kum amadoda akumadoda amakhulu akwaSirayeli, ahlala phantsi phambi kwam.
-
2
|Ezequiel 14:2|
Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
-
3
|Ezequiel 14:3|
Nyana womntu, la madoda anyuse izigogo zawo ezintliziyweni zawo, amisa isikhubekiso sokuba abe gwenxa phambi kobuso bawo; ndingaquqelwa ndiquqelwe ngawo na?
-
4
|Ezequiel 14:4|
Ngako oko thetha nawo, uthi kuwo, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Elowo nalowo wasendlwini kaSirayeli, othe wanyusa izigodo zakhe entliziyweni yakhe, wamisa isikhubekiso sokuba abe gwenxa phambi kobuso bakhe, weza kubaprofeti: mna Yehova ndoba ngomphendulayo ngokwam, ngokobuninzi bezigodo zakhe;
-
5
|Ezequiel 14:5|
ukuze ndiyixhakamfule indlu kaSirayeli ngentliziyo yabo, ekubeni beshenxile kum bonke bephela ngezigodo zabo.
-
6
|Ezequiel 14:6|
Ngako oko yithi kwindlu kaSirayeli, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Buyani nizibuyise ezigodweni zenu, nibubuyise ubuso benu kumasikizi enu onke.
-
7
|Ezequiel 14:7|
Ngokuba elowo nalowo wasendlwini kaSirayeli, nowasemzini ophambukele kwaSirayeli, othe wazahlula ekundilandeleni kwakhe, wanyusa izigodo zakhe entliziyweni yakhe, wamisa isikhubekiso sokuba abe gwenxa phambi kobuso bakhe, weza kumprofeti ukuze aquqele kum ngenxa yakhe: mna Yehova ndomphendula ngokwam.
-
8
|Ezequiel 14:8|
Ndoyichasa loo ndoda, ndiyiphanzise ibe ngumqondiso nomzekeliso, ndimnqumle ebantwini bam; nazi ukuba ndinguYehova.
-
9
|Ezequiel 14:9|
Umprofeti, xa athe warhwebeshwa, wathetha ilizwi, mna Yehova ndimrhwebeshile loo mprofeti: ndosolula isandla sam phezu kwakhe, ndimtshabalalise phakathi kwabantu bam amaSirayeli.
-
10
|Ezequiel 14:10|
Baya kubuthwala ubugwenxa babo; njengoko bunjalo ubugwenxa boquqela kuye, buya kuba njalo ubugwenxa bomprofeti lowo;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10