-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Ezequiel 14:11|
ukuze indlu kaSirayeli ingabi sandwendwa imke ekundilandeleni kwayo; bangabi sazenza iinqambi ngezikreqo zabo zonke; babe ngabantu bam, ndibe nguThixo wabo; itsho iNkosi uYehova.
-
12
|Ezequiel 14:12|
Kwafika kum ilizwi likaYehova, lisithi,
-
13
|Ezequiel 14:13|
Nyana womntu, xa ilizwe lithe lona kum lameneza ngobumenemene, ndasolula isandla sam phezu kwalo, ndawaphula kulo umsimelelo osisonka, ndathumela kulo indlala, ndanqumla kulo umntu nenkomo;
-
14
|Ezequiel 14:14|
ekho phakathi kwalo la madoda omathathu, ooNowa noDaniyeli noYobhi, wona abeya kuhlangula owawo umphefumlo kuphela ngobawo ubulungisa; itsho iNkosi uYehova.
-
15
|Ezequiel 14:15|
Ndingafanelana ndicandisa amarhamncwa ezweni, alihlutha abantwana, kwaba senkangala kulo, akwabakho unokucanda kulo ngenxa yamarhamncwa lawo;
-
16
|Ezequiel 14:16|
ekho phakathi kwalo loo madoda omathathu: ndihleli nje, itsho iNkosi, ebengayi kuhlangula nanyana nantombi; ebeya kuhlanguleka odwa; ke bekuya kuba senkangala ezweni elo.
-
17
|Ezequiel 14:17|
Nokuba ndithe ndalizisela ikrele elo lizwe, ndathi ikrele malicande kwelo lizwe, ndanqamla kulo umntu nenkomo;
-
18
|Ezequiel 14:18|
ekho phakathi kwalo loo madoda omathathu: ndihleli nje, itsho iNkosi uYehova, ebengayi kuhlangula nyana nantombi; ngokuba ebeya kuhlanguleka wona odwa.
-
19
|Ezequiel 14:19|
Nokuba ndithe ndathumela indyikitya yokufa kwelo zwe, ndathulula ubushushu bam phezu kwalo ngegazi, ukuze ndinqumle kulo umntu nenkomo;
-
20
|Ezequiel 14:20|
bekho phakathi kwalo ooNowa noDaniyeli noYobhi: ndihleli nje, itsho iNkosi uYehova bebengayi kuhlangula nyana nantombi; bona bebeya kuhlangula owabo umphefumlo kuphela ngobabo ubulungisa.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10