-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Ezequiel 32:11|
Ngokuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ikrele lokumkani waseBhabheli liya kukufikela.
-
12
|Ezequiel 32:12|
Ndiya kuyiwisa ingxokolo yakho ngamakrele amagorha; ngabangcangcazelisi basezintlangeni bonke bephala; balibhuqe ikratshi leYiputa, itshabalale yonke ingxokolo yayo.
-
13
|Ezequiel 32:13|
Ndiya kuzitshabalalisa zonke iinkomo zayo, zimke emanzini amakhulu, lungabi sawagxobha unyawo lomntu, namanqina eenkomo angawagxobhi.
-
14
|Ezequiel 32:14|
Oko ndiya kuwawuthisa amanzi ayo, nemilambo yayo, ndiyihambise ngokweoli; itsho iNkosi uYehova.
-
15
|Ezequiel 32:15|
Ndakulenza kube senkangala ilizwe laseYiputa, lenziwe ke kube senkangala ilizwe, lingabi nayo inzaliseko yalo, ekubaxabeleni kwam bonke abemi balo: baya kwazi ukuba ndinguYehova.
-
16
|Ezequiel 32:16|
Siso esi isimbonono; siya kuvunywa ngokwesimbonono; iintombi zeentlanga ziya kuyivuma ngokwesimbonono; ngeYiputa nangengxokolo yayo yonke, ziya kuyivuma ngokwesimbonono; itsho iNkosi uYehova.
-
17
|Ezequiel 32:17|
Ke kaloku kwathi ngomnyaka weshumi elinesibini, ngolweshumi elinesihlanu enyangeni leyo, kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
-
18
|Ezequiel 32:18|
Nyana womntu, yenza isimema ngengxokolo yaseYiputa, uyihlisele, yona nentombi yeentlanga eziziingangamsha, ezweni langaphandle, nabahle baya emhadini.
-
19
|Ezequiel 32:19|
Udlule bani na ngobuhle bakho? Yihla, ulale kwabangalukileyo.
-
20
|Ezequiel 32:20|
Baya kuwa phakathi kwababuleweyo ngekrele; ikrele linikelwe esandleni; yiqweqwediseni, nengxokolo yayo yonke.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10