-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Ezequiel 32:21|
Ziya kuthetha ngaye iinjengele zamagorha phakathi kwelabafileyo, nabancedi bakhe, zithi, Behlile, balele khona abangalukileyo, bebulewe ngekrele.
-
22
|Ezequiel 32:22|
Ukhona uAsiriya nebandla lakhe lonke; ngeenxa zonke kuye ngamangcwaba abo, bonke bephela bebulewe, bewe likrele; abamangcwaba abo enziwe emhadini phakathi,
-
23
|Ezequiel 32:23|
ibandla lakhe lingeenxa zonke engcwabeni lakhe; bonke bephela bebulewe, bewe likrele, abaye besothusa ilizwe labahleliyo.
-
24
|Ezequiel 32:24|
Ukhona uElam, nengxokolo yakhe yonke engeenxa zonke engcwabeni lakhe; bonke bephela bebulewe, bewe likrele, ababehle baya ezweni langaphantsi bengalukile; abaye besothusa ilizwe labahleliyo, bathwala ihlazo labo nabehle baya emhadini.
-
25
|Ezequiel 32:25|
Bamenzela isilili phakathi kwababuleweyo, enengxokolo yakhe yonke; aba ngeenxa zonke kuye amangcwaba ayo; bonke bephela bengalukile, bebulewe ngekrele; ngokuba bothusa abasezweni labahleliyo, bathwala ihlazo nabehle baya emhadini; ubekwe phakathi kwababuleweyo.
-
26
|Ezequiel 32:26|
Ukhona uMesheki-Tubhali, nengxokolo yakhe yonke, engeenxa zonke kuye amangcwaba ayo; bonke bephela bengalukile, bebulewe ngekrele; ngokuba besothuse ilizwe labahleliyo.
-
27
|Ezequiel 32:27|
Ke abayi kulala namagorha awileyo angawabangalukileyo, abehlayo baya kwelabafileyo beneempahla zokulwa, ebekwe amakrele abo phantsi kweentloko zabo; ubugwenxa babo buwafikele amathambo abo; ngokuba baye besothusa amagorha ezweni labahleliyo.
-
28
|Ezequiel 32:28|
Nawe ke uya kwaphulwa phakathi kwabangalukileyo, ulale nababuleweyo ngekrele.
-
29
|Ezequiel 32:29|
Ukhona uEdom, ookumkani bakhe nezikhulu zakhe zonke, abathi benobugorha babekwa kwababuleweyo ngekrele; balala nabangalukileyo, nabehle baya emhadini.
-
30
|Ezequiel 32:30|
Zikhona iinkosi zasentla, zonke ziphela, namaTsidon onke, ezehlayo nababuleweyo; zidanile, noko beziqhiphukisa umbilini ngobugorha bazo; zilele zingabangalukileyo kwanababuleweyo ngekrele, zithwele ihlazo lazo nabehle baya emhadini.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10