-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Ezequiel 34:11|
Ngokuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabonani, mna ngokwam ndiya kuwukhathalela umhlambi wam, ndiwuvelele.
-
12
|Ezequiel 34:12|
Njengoko umalusi awuvelelayo umhlambi wakhe, ngemini yokubakho kwakhe phakathi komhlambi wakhe othiwe saa qhu, ndiya kwenjenjalo ukuwuvelela umhlambi wam; ndiwuhlangule ezindaweni zonke, owaba lusali kuzo ngemini enamafu, enamafu amnyama.
-
13
|Ezequiel 34:13|
Ndiya kuwukhupha ezizweni, ndiwubuthe emazweni, ndiwuse emhlabeni wawo, ndiwalusele ezintabeni zakwaSirayeli, ezihlanjeni nasezindaweni zonke ezimiweyo zelizwe.
-
14
|Ezequiel 34:14|
Ndiya kuwalusela ebutyanini obulungileyo, libe sezintabeni ezinde zakwaSirayeli idlelo lawo; edlelweni elilungileyo, uya kubutha khona, udle utyani obutyebileyo ezintabeni zakwaSirayeli.
-
15
|Ezequiel 34:15|
Mna ndiya kuwalusa umhlambi wam, ndiwenze ubuthe mna; itsho iNkosi uYehova.
-
16
|Ezequiel 34:16|
Ezilahlekileyo ndiya kuzifuna, ndibuyise eziziintsali, ndibophe ezaphukileyo, ndizomeleze ezifayo; ke ezityebileyo ndozitshabalalisa, nezomeleleyo ndizaluse ngokusesikweni.
-
17
|Ezequiel 34:17|
Nina ke, mhlambi wam, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabonani, ndiya kugweba phakathi kweegusha neegusha, naphakathi kweenkunzi zeegusha neenkunzi zeebhokhwe.
-
18
|Ezequiel 34:18|
Yinto encinane na kuni, ukuthi nibudle utyani obulungileyo, nize okuseleyo kotyani nikunyhashe ngamanqina enu? nisele amanzi angcwengekileyo, niwagxobhe aseleyo ngamanqina enu?
-
19
|Ezequiel 34:19|
Umhlambi wam udla obunyhashiweyo ngamanquna enu; usela agxojiweyo ngamanqina enu.
-
20
|Ezequiel 34:20|
Ngako oko itsho iNkosi uYehova kuzo ukuthi, Yabonani, mna ndiya kugweba phakathi kweegusha ezityebileyo neegusha ezinqinileyo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10