-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Ezequiel 34:21|
Ngenxa enokuba nityhala ngehleza nangegxalaba, nizihlabe ngeempondo zenu ezityhafileyo zonke, nide nizenze zibe lusali, zigqibe ilizwe:
-
22
|Ezequiel 34:22|
ndowusindisa umhlambi wam, ungabi saba lixhoba, ndigwebe phakathi kweegusha neegusha.
-
23
|Ezequiel 34:23|
Ndomisa phezu kwawo umalusi abe mnye, awaluse, umkhonzi wam uDavide; yena uya kuwalusa, abe ngumalusi wawo yena;
-
24
|Ezequiel 34:24|
mna Yehova ndibe nguThixo wawo, umkhonzi wam uDavide abe sisikhulu phakathi kwawo; mna Yehova ndithethile.
-
25
|Ezequiel 34:25|
Ndiya kuwenzela umnqophiso woxolo, ndiwaphelise amarhamncwa amabi elizweni, uhlale entlango ukholosile, ulale emahlathini.
-
26
|Ezequiel 34:26|
Ndowenza wona, kwaneendawo ezingeenxa zonke endulini yam, ube yintsikelelo; ndihlise imvula ngexesha elililo; iya kuba yimvula yentsikelelo.
-
27
|Ezequiel 34:27|
Umthi wasendle wonika isiqhamo sawo, ilizwe linike indyebo yalo, banqabe emhlabeni wabo; bazi ukuba ndinguYehova, ekuzaphuleni kwam izikeyi zedyokhwe, ndibahlangule esandleni sabo babebakhonzisa.
-
28
|Ezequiel 34:28|
Abayi kuba saba lixhoba leentlanga, angabadli amarhamncwa elizwe; bahlale bekholosile, kungabikho ubothusayo.
-
29
|Ezequiel 34:29|
Ndobavelisela isityalo sokuba ludumo, bangabi sasuswa yindlala ezweni, bangabi sathwala hlazo leentlanga.
-
30
|Ezequiel 34:30|
Baya kwazi ukuba mna Yehova Thixo wabo ndinabo, bangabantu bam bona, indlu kaSirayeli; itsho iNkosi uYehova.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7