-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Ezequiel 36:11|
Ndiya kwandisela abantu ke neenkomo phezu kwenu, bande, baqhame; ndinenze nimiwe ngokwangaphambili ke, ndinenzele okulungileyo ngaphezu kokwasekuqaleni kwenu; nazi ukuba ndinguYehova.
-
12
|Ezequiel 36:12|
Ndohambisa abantu phezu kwenu, abantu bam amaSirayeli, bakuzuze ube lilifa labo, ungasabuyi ubahluthe abantwana.
-
13
|Ezequiel 36:13|
Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba bathi kuwe, Usisidlabantu, uluhluthe abantwana uhlanga lwakho:
-
14
|Ezequiel 36:14|
ngako oko akuyi kubuya ube sisidlabantu, ungabuyi ulukhubekise uhlanga lwakho; itsho iNkosi uYehova.
-
15
|Ezequiel 36:15|
Andiyi kubuya ndikuvise ihlazo leentlanga, ungabuyi usithwale isingcikivo sezizwe, ungabuyi ulukhubekise uhlanga lwakho; itsho iNkosi uYehova.
-
16
|Ezequiel 36:16|
Kwafika ke ilizwi likaYehova kum, lisithi,
-
17
|Ezequiel 36:17|
Nyana womntu, xa indlu kaSirayeli yabe ihleli emhlabeni wayo, bawenza inqambi ngeendlela zabo nangeentlondi zabo; iindlela zabo phambi kwam zaba njengobunqambi bomfazi onomzi.
-
18
|Ezequiel 36:18|
Ndaphalaza ubushushu bam phezu kwabo ngenxa yegazi, ababeliphalaze ezweni elo, nangenxa yokulenza inqambi kwabo ngezigodo zabo.
-
19
|Ezequiel 36:19|
Ndabenza baba lusali ezintlangeni, bachithwachithwa emazweni; ndabagweba ngokweendlela zabo, nangokweentlondi zabo.
-
20
|Ezequiel 36:20|
Bafika ezintlangeni ezo babesiya kuzo, balihlambela igama lam elingcwele; ekubeni bekusithiwa ngabo, Ngabantu bakaYehova aba, baphume ezweni lakhe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40