-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Ezequiel 36:21|
Ndaba nofefe ngenxa yegama lam elingcwele, ebeyilihlambele indlu kaSirayeli ezintlangeni abaya kuzo.
-
22
|Ezequiel 36:22|
Ngako oko yithi kwindlu kaSirayeli, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Andenzi ngenxa yenu, ndlu kaSirayeli; ndenza ngenxa yegama lam elingcwele, enilihlambeleyo ezintlangeni ebe niye kuzo.
-
23
|Ezequiel 36:23|
Ndiya kulingcwalisa igama lam elikhulu, elihlanjelweyo ezintlangeni, enilihlambeleyo phakathi kwazo; ukuze zazi iintlanga ukuba ndinguYehova, itsho iNkosi uYehova, ndakuzingcwalisa ngokwam kuni emehlweni azo.
-
24
|Ezequiel 36:24|
Ndonithabatha ke ezintlangeni, ndinibuthe emazweni onke, ndinise emhlabeni wenu.
-
25
|Ezequiel 36:25|
Ndiya kunitshiza ngamanzi amhlophe, nihlambuluke; ndinihlambulule kubunqambi benu bonke, nakwizigodo zenu zonke.
-
26
|Ezequiel 36:26|
Ndoninika intliziyo entsha, ndininike umoya omtsha ngaphakathi kwenu; ndiyisuse intliziyo elilitye enyameni yenu, ndininike intliziyo eyinyama.
-
27
|Ezequiel 36:27|
Ndofaka uMoya wam ngaphakathi kwenu, ndinenze nihambe ngemimiselo yam, niwagcine amasiko am, niwenze;
-
28
|Ezequiel 36:28|
niya kuhlala ezweni endalinika ooyihlo; nibe ngabantu bam, mna ndibe nguThixo wenu.
-
29
|Ezequiel 36:29|
Ndiya kunisindisa ebunqambini benu bonke, ndibize ingqolowa, ndiyandise, ndinganiziseli indlala.
-
30
|Ezequiel 36:30|
Ndosandisa isiqhamo somthi nokuphuma emasimini, ukuze ningabuyi namkeliswe isingcikivo sendlala ezintlangeni.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40