-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Ezequiel 45:1|
Ekulabeni kwenu ilizwe ngamaqashiso, ukuba libe lilifa, nomrhumela uYehova umrhumo oyinto engcwele kulo ilizwe elo: ubude bube ngamashumi omabini anamahlanu amawaka eengcongolo, ububanzi bube lishumi lamawaka. Woba ngcwele emdeni wawo wonke ngeenxa zonke.
-
2
|Ezequiel 45:2|
Kuwo apha oba ngawasengcweleni amakhulu amahlanu ubude, ngamakhulu amahlanu obubanzi, ube mbombo-ne ngeenxa zonke, ube ziikubhite ezimashumi mahlanu zephandle elingeenxa zonke kuwo.
-
3
|Ezequiel 45:3|
Kuyo loo ndawo ilinganisiweyo, wolinganisa ubude obungamashumi omabini anamahlanu amawaka, nobubanzi obulishumi lamawaka; ibe khona ingcwele le, ingcwele kangcwele.
-
4
|Ezequiel 45:4|
Yona yoba yinto engcwele kulo ilizwe elo; ilunge nababingeleli, abalungiseleli bengcwele, abasondela ukuba balungiselele kuYehova; ibe yindawo yezindlu zabo, indawo engcwele ilunge nengcwele.
-
5
|Ezequiel 45:5|
Amashumi amabini anamahlanu amawaka obude, neli shumi lamawaka obubanzi, alunge nabaLevi, abalungiseleli bendlu; oba yinzuzo yabo eyimizi yokuba bahlale.
-
6
|Ezequiel 45:6|
Okomzi koba ngamawaka amahlanu obubanzi, anamashumi amabini anamahlanu amawaka obude, elungelelene nomrhumo ongcwele; ibe ngawendlu yonke kaSirayeli.
-
7
|Ezequiel 45:7|
Isikhulu nosinika ngapha nangapha komrhumo ongcwele, nakokomzi phambi komrhumo ongcwele, naphambi kokomzi ngecala lasentshonalanga, nise entshonalanga, nangecala lasempumalanga, nise empumalanga; ubude bulungelelane nesinye isahlulo sezizwe, buthabathele emdeni wasentshonalanga, buse emdeni wasempumalanga.
-
8
|Ezequiel 45:8|
Loba lilizwe laso, libe yinzuzo kuso kwaSirayeli; izikhulu zam zingabuyi zibe sabaxinzelela phantsi abantu bam; ke ilizwe zilinike indlu kaSirayeli ngokwezizwe zayo.
-
9
|Ezequiel 45:9|
Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yanelani, nina zikhulu zakwaSirayeli; yekani ukugonyamela nokubhuqa, nenze okusesikweni nobulungisa; yekani ukubagxotha abantu bam emafeni abo; itsho iNkosi uYehova.
-
10
|Ezequiel 45:10|
Yibani nesikali sobulungisa, ne-efa yobulungisa, nebhate yobulungisa.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7