-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Ezequiel 45:11|
Iefa nebhate yoba mlinganiso mnye, ibhate ikhongozele isahlulo seshumi sehomere, ne-efa isahlulo seshumi sehomere, sibe ngokwehomere isilinganiselo sayo.
-
12
|Ezequiel 45:12|
Ishekele yoba ngamashumi amabini eegera; amashumi amabini eeshekele, amashumi amabini anesihlanu eeshekele, ishumi elinesihlanu leeshekele, ibe yimina kum.
-
13
|Ezequiel 45:13|
Nguwo lo umrhumo eniya kurhuma ngawo; isahlulo sesithandathu se-efa ehomereni yengqolowa, nirhume isahlulo sesithandathu se-efa ehomereni yerhasi;
-
14
|Ezequiel 45:14|
nomlinganiso omisiweyo weoli, webhate yeoli, nirhume isahlulo seshumi sebhate ekoreni, ezibhateni ezilishumi ehomereni ke; kuba iibhate ezilishumi ziyihomere.
-
15
|Ezequiel 45:15|
Norhuma ixhwane libe linye empahleni emfutshane engamakhulu amabini, yasemakriweni anamanzi akwaSirayeli, ibe yeyomnikelo wokudla, neyedini elinyukayo, neyemibingelelo yoxolo, ukuba bacanyagushelwe; itsho iNkosi uYehova.
-
16
|Ezequiel 45:16|
Bonke abantu belizwe eli bosirhumela lo mrhumo isikhulu sakwaSirayeli.
-
17
|Ezequiel 45:17|
Orholwa sisikhulu amadini anyukayo, nomnikelo wokudla, nothululwayo, emithendelekweni nasekuthwaseni kwenyanga, nasezisabatheni, nasemaxesheni amisiweyo endlu kaSirayeli. Lolungiselelwa siso idini lesono, nomnikelo wokudla, nedini elinyukayo, nemibingelelo yoxolo, ukuze icanyagushelwe indlu kaSirayeli.
-
18
|Ezequiel 45:18|
Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenyanga yokuqala, ngolokuqala enyangeni leyo, wothabatha inkunzi entsha, ithole lenkomo eligqibeleleyo, uyihlambulule ingcwele ngedini lesono.
-
19
|Ezequiel 45:19|
Umbingeleli wothabatha egazini ledini lesono elo, aliqabe emigubasini yendlu le, nasezimbombeni zone zamacala esibingelelo, nasemigubasini yesango lentendelezo ephakathi.
-
20
|Ezequiel 45:20|
Uya kwenjenjalo nangolwesixhenxe enyangeni leyo, ngenxa yomntu olahlekayo, nangenxa yosisiyatha, niyicamagushele indlu le.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10