-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Ezequiel 46:1|
Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Isango lentendelezo ephakathi, elikhangele empumalanga, lohlala livaliwe ngeentsuku ezintandathu zokusebenza; ngomhla wesabatha livulwe, ngomhla wokuthwasa kwenyanga livulwe.
-
2
|Ezequiel 46:2|
Songena isikhulu ngendlela yasevarandeni yesango, sivela ngaphandle, sime emigubasini yesango, ababingeleli balungiselele idini laso elinyukayo, nemibingelelo yaso yoxolo, siqubude embundwini wesango; siphume ke; lingavalwa isango elo kude kuhlwe.
-
3
|Ezequiel 46:3|
Abantu belizwe eli boqubuda ekungeneni kwesango ngesabatha nasekuthwaseni kwenyanga, phambi koYehova.
-
4
|Ezequiel 46:4|
Idini elinyukayo, esosondeza lona isikhulu kuYehova ngomhla wesabatha, loba ziimvana ezintandathu ezigqibeleleyo, nenkunzi yegusha egqibeleleyo.
-
5
|Ezequiel 46:5|
Nomnikelo wokudla woba yiefa enkunzini leyo yegusha; ezimvaneni ezo umnikelo wokudla ube ngumnikelo wesandla saso, ihin yeoli kuyo iefa.
-
6
|Ezequiel 46:6|
Ngosuku lokuthwasa kwenyanga, liya kuba yinkunzi entsha egqibeleleyo, ithole lenkomo, neemvana ezintandathu, nenkunzi yegusha, zigqibelele zonke.
-
7
|Ezequiel 46:7|
Solungiselela umnikelo wokudla, iefa kuyo inkunzi entsha yenkomo, ne-efa kuyo inkunzi yegusha, kuzo iimvana ibe yinto esinokufikelela kuyo isandla saso, ibe yihin yeoli kuyo iefa.
-
8
|Ezequiel 46:8|
Ekuzeni kwesikhulu, songena ngendlela yasevarandeni yesango, siphume kwangendlela yayo.
-
9
|Ezequiel 46:9|
Ekuzeni ke kwabantu belizwe eli phambi koYehova ngamaxesha amisiweyo, ongene ngendlela yesango langasentla, esiza kunqula, wophuma ngendlela yesango langasezantsi; ongene ngendlela yesango langasezantsi, wophuma ngendlela yesango langasentla; akayi kubuya ngendlela yesango angene ngalo; bothi gca ukuphuma.
-
10
|Ezequiel 46:10|
Isikhulu songena siphakathi kwabo ekungeneni kwabo; bathi ekuphumeni kwabo, siphume kunye nabo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10