-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Ezequiel 46:11|
Umnikelo wokudla ngemithendeleko nangamaxesha amisiweyo woba yiefa kuyo inkunzi entsha yenkomo, ne-efa kuyo inkunzi yegusha, uthi ezimvaneni uligane nesandla saso, ibe yihin yeoli kuyo iefa.
-
12
|Ezequiel 46:12|
Xa sithe isikhulu samenzela uYehova idini elinyukayo ngokuqhutywa yintliziyo, nokuba yimibingelelo yoxolo ngokuqhutywa yintliziyo, malivulwe isango elibheke empumalanga, silungiselele idini laso elinyukayo, nemibingelelo yaso yoxolo, njengoko silungiselelayo ngomhla wesabatha; siphume ke; balivale isango emva kokuphuma kwaso.
-
13
|Ezequiel 46:13|
Boyilungiselela imvana emnyaka mnye, egqibeleleyo, ibe lidini elinyukayo ngemini kuYehova, balilungiselele imiso ngemiso yonke.
-
14
|Ezequiel 46:14|
Bolungiselela umnikelo wokudla kunye nalo imiso ngemiso yonke, ube sisahlulo sesithandathu se-efa, neoli ibe sisahlulo sesithathu sehin yokunyakamisa umgubo ocoliweyo; ube ngumnikelo wokudla kuYehova; leyo yoba yimimiselo engunaphakade emiyo.
-
15
|Ezequiel 46:15|
Bolungiselela imvana, nomnikelo wokudla, neoli, imiso ngemiso yonke, ibe lidini elinyukayo elimiyo.
-
16
|Ezequiel 46:16|
Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Xa sithe isikhulu sampha omnye koonyana baso isipho, soba lilifa lakhe, sibe sesoonyana bakhe; yinzuzo yabo ngokwelifa.
-
17
|Ezequiel 46:17|
Xa sithe sampha omnye kubakhonzi baso isipho elifeni laso, soba sesalowo, kude kuse kumnyaka wenkululeko, sibuyele kwisikhulu; ilifa laso loba leloonyana baso bodwa.
-
18
|Ezequiel 46:18|
Isikhulu eso asiyi kuthabatha elifeni labantu, ukuze sibaxinzelele phantsi, bahlukane nenzuzo yabo. Sobadlisa oonyana baso ilifa kweyeyaso inzuzo; ukuze bangabi lusali abantu bam, elowo ahlukane nenzuzo yakhe.
-
19
|Ezequiel 46:19|
Ekungeneni ngasecaleni lesango, wandisa emagumbini angcwele ababingeleli, akhangele ngentla; nanko, kukho indawo khona esiphelweni, ngasentshonalanga.
-
20
|Ezequiel 46:20|
Wathi kum, Le yindawo apho ababingeleli bophekela khona idini letyala, nedini lesono. Bosela khona umnikelo wokudla, ukuze bangaphumi nawo, baye entendelezweni engaphandle, ukuba bangcwalise abantu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10