-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Ezequiel 47:1|
Wandibuyisela emnyango wayo indlu; nanko, kuphuma amanzi ngaphantsi kombundu womnyango wendlu leyo, esinga ngasempumalanga; ngokuba ubuso bayo indlu bebungasempumalanga. Amana esihla amanzi, evela ngaphantsi, ecaleni lokunene kwindlu leyo, ngasezantsi kwesibingelelo.
-
2
|Ezequiel 47:2|
Waphuma nam ngendlela yesango langasentla, wandijikelezisa ngendlela engaphandle, wandisa esangweni elingaphandle, ngendlela yelibheke empumalanga; nango, amanzi equkuqela, evela ecaleni lokunene lesango.
-
3
|Ezequiel 47:3|
Ekuphumeni komntu obephethe ulutya lokulinganisa ngesandla, esiya ngasempumalanga, walinganisa iwaka leekubhite; wandiweza emanzini, amanzi abetha emaqatheni.
-
4
|Ezequiel 47:4|
Walinganisa iwaka, wandiweza emanzini, amanzi abetha emadolweni. Walinganisa iwaka, wandiweza emanzini, amanzi abetha esinqeni.
-
5
|Ezequiel 47:5|
Walinganisa iwaka, aba ngumlambo endingenakuwuwela; ngokuba amanzi ahamba phezulu, amanzi aba ngawokudadwa, umlambo ongenakuwelwa.
-
6
|Ezequiel 47:6|
Wathi kum, Ubonile na, nyana womntu? Wandihambisa, wandibuyisa phezu kodini lomlambo lowo.
-
7
|Ezequiel 47:7|
Ekubuyeni kwam, nanko kukho eludinini lomlambo imithi emininzi kunene, ngapha nangapha.
-
8
|Ezequiel 47:8|
Wathi kum, La manzi aphuma aye kummandla wasempumalanga, ehle aye eArabha, aye elwandle, athi ele elwandle, aphiliswe amanzi alo.
-
9
|Ezequiel 47:9|
Kuye kuthi ke, yonke imiphefumlo ephilileyo, enyakazelayo ezindaweni zonke othe wafika kuzo umlambokazi lowo, iphile; zibe zininzi kunene iintlanzi; ngokuba efikile khona la manzi, ophiliswa lawa; iphile yonke into ofike kuyo umlambo lowo.
-
10
|Ezequiel 47:10|
Kothi ke kume ababambisi beentlanzi phezu kwawo, bathabathele e-En-gedi, bade baye e-En-heglayim, indawo yokwaneka iminatha; ziya kuba ngokohlobo lwazo iintlanzi zabo, njengeentlanzi zolwandle olukhulu, ukuba zininzi kunene.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 31-32