-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Ezequiel 47:11|
Ke imigxobhozo yalo, namadike alo, akayi kuphila; aya kunikelwa ekubeni mtyuba.
-
12
|Ezequiel 47:12|
Kophuma phezu komlambo, phezu kodini lwawo, ngapha nangapha, imithi yonke edliwayo. Amagqabi ayo akayi kubuna, zingapheli iziqhamo zayo; iya kuvuthwa iziqhamo ezitsha ngeenyanga zonke; ngokuba amanzi awo wona aphuma engcweleni. Iziqhamo zayo ziya kuba zezokudliwa, namagqabi ayo abe ngawokuphilisa.
-
13
|Ezequiel 47:13|
Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Nguwo lo umda, eniya kuzabela ngawo ilizwe, ngokwezizwe ezilishumi elinazibini zikaSirayeli; uYosefu woba namacandelo amabini.
-
14
|Ezequiel 47:14|
Ilizwe niya kulidla ilifa, elowo alidle njengowabo; ngokuba ndaphakamisa isandla sam sokuba ndilinike oyihlo; lowela kuni eli lizwe ngokwelifa.
-
15
|Ezequiel 47:15|
Nguwo lo umda welizwe elo: ngecala langasentla wothabathela kulwandle olukhulu ngendlela yaseHetelon, ukuba uye eTsedada;
-
16
|Ezequiel 47:16|
eHamati, naseBherota, naseSibrayim, ephakathi komda waseDamasko nomda waseHamati, naseHatsere ephakathi, esemdeni waseHawuran.
-
17
|Ezequiel 47:17|
Umda uthabathela elwandle, ume ngeHatsare-enon, umda waseDamasko; owasentla ngasentla umda waseHamati. Licala lasentla ke elo.
-
18
|Ezequiel 47:18|
Icala langasempumalanga, phakathi kweHawuran neDamasko neGiliyadi nelizwe lakwaSirayeli, yiYordan; nothabathela emdeni lowa, nise phezu kolwandle lwangasempumalanga ukulinganisa. Licala lasempumalanga ke elo.
-
19
|Ezequiel 47:19|
Icala lasezantsi ngasezantsi lothabathela kwaTamare, lise emanzini embambano aseKadeshe, lihambe ngomlambo, lise kulo ulwandle olukhulu. Licala lasezantsi ngasezantsi ke elo.
-
20
|Ezequiel 47:20|
Icala lasentshonalanga lulwandle olukhulu, luthabathela emdeni lowo, lude lulunge nokuya eHamati. Licala lasentshonalanga ke elo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 31-32