-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
33
|Ezequiel 16:33|
Onke amahenyukazi bawanika izipho; ke wena wazinika zonke izithandane zakho izipho zakho, wazicenga ukuze zize kuwe ngeenxa zonke ekuhenyuzeni kwakho.
-
34
|Ezequiel 16:34|
Wena okwakho ukuhenyuza kuthe kwaphambana nokwamankazana, ngokuthi ingabi nguwe olandelwayo ekuhenyuzeni; ngokuthi urhole wena umvuzo wobuhenyu, ungarholelwa umvuzo wobuhenyu; waba ngophambileyo ke.
-
35
|Ezequiel 16:35|
Ngako oko, henyukazi, live ilizwi likaYehova.
-
36
|Ezequiel 16:36|
Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba iphalele imali yakho, batyhileka ubuze bakho ngokuhenyuza kwakho nezithandane zakho, nangenxa yezigodo zonke zamasikizi akho, nangenxa yamagazi oonyana bakho, owabanikelayo kuzo:
-
37
|Ezequiel 16:37|
ngako oko, yabona, ndiya kuzithabatha zonke izithandane zakho owakholisana nazo, nabo bonke owabathandayo, ndawonye nabo bonke owabathiyayo, ndibahlanganise, ndikuchase ngeenxa zonke, ndibutyhile ubuze bakho kubo, babubone ubuze bakho bonke.
-
38
|Ezequiel 16:38|
Ndokugweba ngokugwetywa kwabakrexezikazi nabaphalazi begazi, ndikwenze wena ube ligazi lobushushu nobukhwele.
-
39
|Ezequiel 16:39|
Ndokunikela esandleni sabo, bawagungxule amanqugwala akho, bazidilize iindawo zakho eziphakamileyo, bakuhlube iingubo zakho bazithabathe iimpahla zakho zokuhomba, bakushiye uze kanye.
-
40
|Ezequiel 16:40|
Baya kukunyusela ibandla, bakuxulube ngamatye, bakuxabele ngamakrele abo;
-
41
|Ezequiel 16:41|
bazitshise izindlu zakho ngomlilo, bazenze kuwe izigwebo emehlweni abafazi abaninzi, ndikunqumamise ungabi saba lihenyu, ungabi, sarhola umvuzo wobuhenyu.
-
42
|Ezequiel 16:42|
Ndobupholisela kuwe ubushushu bam, limke ikhwele lam kuwe, ndizole, ndingabi saqumba.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10