-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
53
|Ezequiel 16:53|
Ekukubuyiseni kwam ukuthinjwa kwabo, ukuthinjwa kweSodom namagxamesi ayo, nokuthinjwa koSamari namagxamesi akhe, ndokubuyisa ukuthinjwa okukuthinjwa kwakho phakathi kwabo;
-
54
|Ezequiel 16:54|
ukuze ulithwale ihlazo lakho, uzidanele izinto zonke ozenzileyo, ubathuthuzele.
-
55
|Ezequiel 16:55|
Baya kuthi abasakwenu, iSodom namagxamesi ayo, babuyele kwakwisimo sabo sangaphambili, noSamari namagxamesi akhe babuyele kwakwisimo sabo sangaphambili, nawe namagxamesi akho nibuyele kwakwisimo senu sangaphambili.
-
56
|Ezequiel 16:56|
ISodom umsakwenu ayibanga sifundo emlonyeni wakho ngemini yamakratshi akho;
-
57
|Ezequiel 16:57|
zingekatyhilwa izinto zakho ezimbi, njengasexesheni lesingcikivo samagxamesi akwa-Aram nesangeenxa zonke kuye, samagxamesi amaFilisti, awakucukulayo ngeenxa zonke.
-
58
|Ezequiel 16:58|
Amanyala akho namasikizi akho uwathwele; utsho uYehova.
-
59
|Ezequiel 16:59|
Ngokuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ndenza ke kuwe njengoko wenze ngako wena, osidelileyo isifungo, ukuba uwaphule umnqophiso.
-
60
|Ezequiel 16:60|
Ndiya kuwukhumbula mna umnqophiso wam nawe ngemihla yobuncinane bakho, ndikumisele umnqophiso ongunaphakade.
-
61
|Ezequiel 16:61|
Wozikhumbula iindlela zakho, udane ekubamkeleni kwakho oodade benu, abakhulu kunawe kunye nabancinane kunawe; ndikunike babe ziintombi kuwe, noko bengengabomnqophiso wakho.
-
62
|Ezequiel 16:62|
Ndowumisa mna umnqophiso wam nawe, wazi ukuba ndinguYehova;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10