-
-
Xhosa
-
-
1
|Gálatas 1:1|
UPawulos, umpostile (ongavele bantwini, kanjalo kungengamntu; kungaye uYesu Kristu, noThixo uYise, owamvusayo kwabafileyo),
-
2
|Gálatas 1:2|
kwanabazalwana aba bonke banam, uthi kuwo amabandla kaThixo akwelaseGalati:
-
3
|Gálatas 1:3|
Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kuThixo uYise, neNkosi yethu uYesu Kristu;
-
4
|Gálatas 1:4|
owazinikelayo ngenxa yezono zethu, ukuze asinyothule kwiphakade eli langoku lingendawo, ngokokuthanda kukaThixo uBawo wethu.
-
5
|Gálatas 1:5|
Kuye makubekho uzuko, kude kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen.
-
6
|Gálatas 1:6|
Ndimangalisiwe kukuba niphambuke kamsinya kangaka kulowo wanibizayo ngobabalo lukaKristu, niye kwiindaba ezilungileyo ezizimbi;
-
7
|Gálatas 1:7|
ezingezizo nokuba zizo ezinye; koko kukho bathile banikhathazayo, bathandayo ukuzigqwetha iindaba ezilungileyo zikaKristu.
-
8
|Gálatas 1:8|
Ke, nokokuba sisuke thina aba, nokokuba sisuke isithunywa sasezulwini sanishumayeza iindaba ezilungileyo ezinxamnye nezo sanishumayezayo, masisingelwe phantsi.
-
9
|Gálatas 1:9|
Njengokuba besesitshilo, ndiyaphinda, ndithi nangoku, Ukuba ubani unishumayeza iindaba ezilungileyo ezinxamnye nezo nazamkelayo, makasingelwe phantsi.
-
10
|Gálatas 1:10|
Kuba ngoku ndithomalalisa abantu, ndithomalalisa uThixo, kusini na? Ndifuna ukukholisa abantu na? Ukuba ndingaba ndisakholisa abantu, ndingaba andingumkhonzi kaKristu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7