-
-
Xhosa
-
-
6
|Gálatas 3:6|
njengokuba uAbraham wakholwayo nguThixo, kwaza oko kwabalelwa ebulungiseni kuye.
-
7
|Gálatas 3:7|
Yazini ngoko ukuba abaselukholweni, ngabo abo abangoonyana baka-Abraham.
-
8
|Gálatas 3:8|
Isibhalo, sibona ke ngenxa engaphambili ukuba uThixo uyazigwebela iintlanga ngokwaselukholweni, sazishumayela ngenxa engaphambili iindaba ezilungileyo kuAbraham, sisithi, Ziya kusikelelelwa kuwe zonke iintlanga.
-
9
|Gálatas 3:9|
Ngoko ke abaselukholweni bayasikelelwa ndawonye noAbraham okholwayo.
-
10
|Gálatas 3:10|
Kuba bonke abangabasemisebenzini yomthetho, baphantsi kwesiqalekiso; kuba kubhaliwe kwathiwa, Baqalekisiwe bonke abangahlaliyo ezintweni zonke ezibhaliweyo encwadini yomthetho, ukuba bazenze.
-
11
|Gálatas 3:11|
Okokuba ke akukho namnye ugwetyelwayo ngomthetho kuye uThixo, kuyabonakala; ngokuba lowo ulilungisa, uya kudla ubomi obuphuma elukholweni.
-
12
|Gálatas 3:12|
Wona ke umthetho asingowaselukholweni; uthi, umntu owazenzayo ezo zinto uya kudla ubomi ngazo.
-
13
|Gálatas 3:13|
UKristu wasithenga, wasikhulula esiqalekisweni somthetho, ngokwenziwa isiqalekiso ngenxa yethu (kuba kubhaliwe kwathiwa, Uqalekisiwe wonke umntu oxhonywe emthini);
-
14
|Gálatas 3:14|
ukuze intsikelelo ka-Abraham ibe sezintlangeni ngoKristu Yesu, ukuze idinga loMoya silamkele ngalo ukholo.
-
15
|Gálatas 3:15|
Bazalwana, ndithetha ngokwabantu: kwanowomntu umnqophiso ozinzisiweyo, akukho namnye uwutshitshisayo, athi mhlawumbi ongeze kuwo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10