-
-
Xhosa
-
-
26
|Gálatas 3:26|
Kuba nina nonke ningoonyana bakaThixo ngako ukukholwa, nikuKristu Yesu;
-
27
|Gálatas 3:27|
kuba nina nonke, nabhaptizelwayo kuKristu, namambatha uKristu.
-
28
|Gálatas 3:28|
Akusekho mYuda namGrike; akusekho khoboka nakhululekileyo; akusekho ndoda nankazana; kuba nina nonke nimntu mnye, nikuKristu Yesu.
-
29
|Gálatas 3:29|
Ukuba ke nina ningabakaKristu, niyimbewu ka-Abraham ngoko, neendlalifa ngokwedinga.
-
1
|Gálatas 4:1|
Ndithi ke, indlalifa, ngexesha lonke engumntwana, ayahluke nganto kumkhonzi, nakuba iyinkosi yeento zonke;
-
2
|Gálatas 4:2|
iphantsi kwabagcini namagosa, kude kufike ixesha elimiswe ngaphambili nguyise.
-
3
|Gálatas 4:3|
Ngokunjalo nathi, xenikweni besingabantwana, besingamakhoboka aphantsi kweziqalelo zehlabathi.
-
4
|Gálatas 4:4|
Lithe ke lakuzaliseka ixesha, uThixo wamkhupha weza uNyana wakhe, othe wazalwa ngumntu oyinkazana; ethe wazalelwa phantsi komthetho,
-
5
|Gálatas 4:5|
ukuze abakhulule ngokubathenga abaphantsi komthetho, ukuze sikuzuze ukwenziwa oonyana.
-
6
|Gálatas 4:6|
Ngokuba ke ningoonyana, uThixo wamkhupha uMoya woNyana wakhe, weza ezintliziyweni zenu, edanduluka esithi, Abha, Bawo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10