-
-
Xhosa
-
-
7
|Gálatas 4:7|
Ngoko ke akusengumkhonzi, ungunyana; ukuba ke ungunyana, ukwayindlalifa kaThixo ngoKristu.
-
8
|Gálatas 4:8|
Kanti okunene, oko naningamazi uThixo, nanikhonza kwabo ngemvelo bangethixo;
-
9
|Gálatas 4:9|
ngoku ke, nakuba nimazile uThixo, hayi kanye mandithi, nakuba naziwe nguThixo, nenza ntoni na ukubuya niguqukele kwiziqalelo ezingenamandla, ezingenaluncedo, enithanda ukubuya nikhonze zona ngokutsha?
-
10
|Gálatas 4:10|
Nimana nigcina imihla, neenyanga, namaxesha, neminyaka.
-
11
|Gálatas 4:11|
Ndiyanoyikela, hleze ndibe ndifumane ndabulaleka ngenxa yenu.
-
12
|Gálatas 4:12|
Ndiyanikhunga, bazalwana, yibani njengam, ngokuba nam ndaba njengani; anindonanga nganto.
-
13
|Gálatas 4:13|
Niyazi ke ukuba bekungenxa yokuswela amandla kwenyama yam, ukunishumayeza kwam iindaba ezilungileyo ngokokuqala.
-
14
|Gálatas 4:14|
Ukulingwa kwam okwakusenyameni yam, anikwenzanga into engento, anikucekisanga nina nokukucekisa; nesuka nandamkela njengesithunywa sikaThixo, njengoKristu Yesu ngokwakhe.
-
15
|Gálatas 4:15|
Kwabe kuyintoni na ngoko ukuziyolisa kwenu? Kuba ndiyaningqinela, ukuba bekunokwenzeka, ninge nawakrukrayo amehlo enu, nandinika.
-
16
|Gálatas 4:16|
Ndisuke ndaba lutshaba lwenu na ke, ngokuthetha inyaniso kuni?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10