-
-
Xhosa
-
-
16
|Gálatas 3:16|
Enziwa ke kuye uAbraham amadinga, nakuyo imbewu yakhe. Akathi, nakuzo iimbewu, ngathi uthetha ezininzi; usuka ngathi uthetha nye, athi, Nakuyo imbewu yakho: nguKristu ke lowo.
-
17
|Gálatas 3:17|
Ukutsho ke ndithi, Umnqophiso ozinzisiweyo ngenxa engaphambili nguThixo, usingisele kuKristu, awunakuphangwa igunya ngumthetho, owabakhoyo emva kweminyaka engamakhulu omane anamanci mathathu, ukuze ulibhangise idinga elo.
-
18
|Gálatas 3:18|
Kuba ilifa elo, ukuba liphuma emthethweni, loba alisaphumi edingeni; ke yena uThixo umbabale uAbraham ngedinga.
-
19
|Gálatas 3:19|
Uyintoni na ngoko umthetho? Walekelwa ngenxa yezigqitho, ukude ifike imbewu leyo yayibekwe ngedinga; wamiswa ngezithunywa zezulu, sisandla somlamleli.
-
20
|Gálatas 3:20|
Ke umlamleli akamnye; uThixo ke yena mnye.
-
21
|Gálatas 3:21|
Umthetho ngoko uchasene na namadinga kaThixo? Nakanye! Kuba, ukuba bekuwiswe umthetho onako ukudlisa ubomi, kuhleliwe nje, ngebuphume emthethweni lowo ubulungisa.
-
22
|Gálatas 3:22|
Ke sona isibhalo sisuke sazivalela ndawonye izinto zonke phantsi kwesono, ukuze idinga eliphuma ekukholweni kuYesu Kristu linikwe abakholwayo.
-
23
|Gálatas 3:23|
Ngaphambi ke kokufika kokholo, sasilindwa, siphantsi komthetho, sivalelwe ndawonye kude kufike ukholo olu, lube luza kutyhilwa.
-
24
|Gálatas 3:24|
Ngoko ke umthetho waba ngosikhaphela kuKristu, ukuze sigwetyelwe ngokwaselukholweni.
-
25
|Gálatas 3:25|
Lwakuba lufikile ke ukholo, asibi saba phantsi kwamkhapheli.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10