-
-
Xhosa
-
-
17
|Gálatas 4:17|
Bayanincekelela ngokungekuhle; basuka bathande ukunivalela phandle, ukuze nibancekelele nani.
-
18
|Gálatas 4:18|
Kuhle ke ukuba kuncekelelwe ngamaxesha onke entweni entle, kunganeli ukuba njalo ndakuba ndikho kuni.
-
19
|Gálatas 4:19|
Bantwana bam, endibuye ndanenimba ngabo, ade uKristu amiliswe ngaphakathi kwenu,
-
20
|Gálatas 4:20|
bendithanda ke ukubakho kuni ngoku, ndilenze libe lilimbi ilizwi lam; ngokuba ndiyathingaza ngani.
-
21
|Gálatas 4:21|
Ndixeleleni, nina nithandayo ukuba phantsi komthetho, aniwuva na umthetho?
-
22
|Gálatas 4:22|
Kuba kubhaliwe kwathiwa, uAbraham wayenoonyana ababini: omnye engowekhobokazana, omnye engowomfazi okhululekileyo.
-
23
|Gálatas 4:23|
Waye okunene lowo wekhobokazana ezelwe ngokwenyama; kodwa lowo womfazi okhululekileyo wayezelwe ngalo idinga.
-
24
|Gálatas 4:24|
Eziyintsonkotha zona ezo zinto; kuba aba bayiyo iminqophiso emibini. Omnye uvela entabeni yeSinayi, uzalela ebukhobokeni, onguHagare ke wona lowo;
-
25
|Gálatas 4:25|
kuba loo nto inguHagare yiSinayi, intaba ekwelama-Arabhi, elungelelene neYerusalem yakalokunje, esebukhobokeni ke nabantwana bayo.
-
26
|Gálatas 4:26|
Ke yona ephezulu iYerusalem ikhululekile, enguma wethu leyo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 17-19