-
-
Xhosa
-
-
16
|Gálatas 5:16|
Ke kaloku ndithi, Hambani ngokoMoya, naningasayi kuthi ke niyizalise inkanuko yenyama.
-
17
|Gálatas 5:17|
Kuba inyama ikhanuka ngokuchasene noMoya, uMoya ke ukhanuka ngokuchasene nenyama; ezo zinto ke ziphambene, ukuze ningazenzi izinto enisukuba nizithanda.
-
18
|Gálatas 5:18|
Ukuba ke nikhokelwa nguMoya, aningaphantsi komthetho.
-
19
|Gálatas 5:19|
Iyabonakala ke yona imisebenzi yenyama, eyile: ukrexezo, umbulo, ukungcola, uburheletyo,
-
20
|Gálatas 5:20|
ukubusa kwizithixo, ukukhafula, intiyo, iinkani, amakhwele, imisindo, amayelenqe, iimbambaniso, izahlukano,
-
21
|Gálatas 5:21|
oomona, ookubulala, ookunxila, iindywala, nezinto ezinjengezo; endinixelelayo ngenxa engaphambili, njengokuba besendinixelele kade, ukuba abazenzayo izinto ezinjalo abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo.
-
22
|Gálatas 5:22|
Ke sona esoMoya isiqhamo luthando, uvuyo, uxolo, ukuzeka kade umsindo, ububele, ukulunga, intembeko, ubulali, ukuzeyisa;
-
23
|Gálatas 5:23|
akukho mthetho uchasene nezinto ezinjalo.
-
24
|Gálatas 5:24|
Ke kaloku abo ke bakaKristu, inyama bayibethelele emnqamlezweni, kunye neminqweno neenkanuko zayo.
-
25
|Gálatas 5:25|
Ukuba sidla ubomi ngokoMoya, masihambe nokuhamba kwangokoMoya.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10