-
-
Xhosa
-
-
6
|Gálatas 5:6|
Kuba kwabakuKristu Yesu akunamandla anto ukwaluka, kwanokungaluki; into enamandla lukholo olusebenza ngothando.
-
7
|Gálatas 5:7|
Nibe nibaleka kakuhle; ngubani na osuke wanithintela ukuba ningayithambeli inyaniso?
-
8
|Gálatas 5:8|
Olo loyiseko lwenu aluphumi konibizayo.
-
9
|Gálatas 5:9|
Igwele elincinane liyayibilisa intlama iphela.
-
10
|Gálatas 5:10|
Mna ndikholosekile malunga nani eNkosini, ukuba aniyi kucinga nto yimbi; ke onikhathazayo uya kuluthwala ugwebo, nokuba ngongubani.
-
11
|Gálatas 5:11|
Mna ke, bazalwana, ukuba ndingaba ndisavakalisa ulwaluko, ndisatshutshiselwani na? —singaba sibhangisiwe njengoko isikhubekiso eso somnqamlezo.
-
12
|Gálatas 5:12|
Akwaba bangazinqumla nokuzinqumla abaniqungaqungayo.
-
13
|Gálatas 5:13|
Kuba nina nabizelwa enkululekweni, bazalwana; kodwa ke musani ukuthi, ukuyiphatha inkululeko leyo, nivulele inyama ithuba; manisuke ngalo uthando nikhonzane.
-
14
|Gálatas 5:14|
Kuba wonke umthetho uzaliswe ngazwi linye, ngeli lithi, Uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako.
-
15
|Gálatas 5:15|
Ukuba ke niyagrenyana, nidlane, lumkani ukuba ningagqitywa omnye ngomnye.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10