-
-
Xhosa
-
-
11
|Gálatas 1:11|
Ke kaloku, ndiyanazisa, bazalwana, ukuba azingokomntu iindaba ezilungileyo ezi, zashunyayelwayo ndim;
-
12
|Gálatas 1:12|
kuba nam lo andizamkelanga mntwini, andizifundiswanga nokuzifundiswa; ndazamkela ngokutyhilelwa nguYesu Kristu.
-
13
|Gálatas 1:13|
Kuba nayiva eyam ihambo eyayifudula isebuYudeni, ukuba ndaye ndilitshutshisa ndilibhuqa ibandla likaThixo ngokuncamisileyo;
-
14
|Gálatas 1:14|
ndaye ndihambela phambili ebuYudeni, ngaphezu kwabaninzi ababeziintanga zam eluhlangeni lwakowethu, ndizizondelele ngokugqithiseleyo izithethe zoomawokhulu.
-
15
|Gálatas 1:15|
Ke, xenikweni kwakholekayo kuThixo, owandahlulayo kwasesizalweni sikama, wandibiza ngalo ubabalo lwakhe,
-
16
|Gálatas 1:16|
ukuba amtyhile uNyana wakhe ngaphakathi kwam, ukuze ndimshumayele ngeendaba ezilungileyo phakathi kweentlanga: kwaoko andibhekisanga nto kwinyama negazi.
-
17
|Gálatas 1:17|
Andinyukanga nokunyuka ndiye eYerusalem, kubo ababengabapostile ngaphambi kwam; ndesuka ndaya kwelaseArabhi, ndaza ndabuyela eDamasko.
-
18
|Gálatas 1:18|
Ndandula ndathi, emva kweminyaka emithathu, ndenyuka ndaya eYerusalem, ukuba ndazane noPetros; ndahlala naye iintsuku ezilishumi elinantlanu.
-
19
|Gálatas 1:19|
Andibonanga wumbi ke kubapostile, yaba nguYakobi, umzalwana weNkosi, yedwa.
-
20
|Gálatas 1:20|
Izinto ke endinibhalela zona, yabonani, ndithetha emehlweni kaThixo, andixoki.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7