-
-
Xhosa
-
-
21
|Gálatas 1:21|
Emva koko ndeza kwimimandla yelaseSiriya nelaseKilikiya;
-
22
|Gálatas 1:22|
ndaye ke ndingaziwa ngesiqu ngawo amabandla akwelamaYuda, akuKristu;
-
23
|Gálatas 1:23|
banela ukuva kwakuphela ukuba, Lowo wayefudula esitshutshisa, ngoku ushumayela iindaba ezilungileyo zokholo abefudula elubhuqa.
-
24
|Gálatas 1:24|
Bamzukisa uThixo ngam.
-
1
|Gálatas 2:1|
Ndaza emva kweminyaka elishumi elinamine, ndabuya ndenyuka ndaya eYerusalem ndinoBharnabhas, ndathabatha noTito.
-
2
|Gálatas 2:2|
Ndenyuka ke ngokwesityhilelo, ndazandlala phambi kwabo iindaba ezilungileyo endizivakalisayo phakathi kweentlanga; ndazandlala ke phambi kwabo badumileyo bebodwa, hleze ndibe ndifumana ndibaleka, mhlawumbi ndibe ndafumana ndabaleka.
-
3
|Gálatas 2:3|
NoTito lo, ubenam, nangona ebengumGrike, akanyanzelwanga ukuba aluke:
-
4
|Gálatas 2:4|
ngenxa ke yabazalwana ababuxoki, abangeniswayo bucala, bona bangena ngokunyebeleza, besiza kuhlola inkululeko yethu esinayo kuKristu Yesu, ukuze basithobele ebukhobokeni.
-
5
|Gálatas 2:5|
Esathi abo asabavumela ngolulamo nokwexa elinye, ukuze inyaniso yeendaba ezilungileyo ihlale ihleli kuni.
-
6
|Gálatas 2:6|
Ke aba badumele ukuba bayinto, nokuba babefudula benjani, akunto oko kum; uThixo akakhethi buso bamntu. Kuba aba babedume ngobunto ababhekisanga nto kum.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 4-5