-
-
Xhosa
-
-
17
|Gálatas 2:17|
Ke ukuba, sifuna nje ukugwetyelwa ngoKristu, sifunyanwa singaboni nathi ngokwethu, ndiyabuza ndithi, uKristu ungumlungiseleli wesono na ke ngoko? Nakanye!
-
18
|Gálatas 2:18|
Kuba, ukuba izinto endazichithayo, ndibuya ndakhe zona, ndiyaziqondakalisa ngokwam ukuba ndingumgqithi.
-
19
|Gálatas 2:19|
Kuba mna ngomthetho ndafa kumthetho, ukuze ubomi ndibudlele kuThixo.
-
20
|Gálatas 2:20|
Ndibethelelwe emnqamlezweni noKristu; ayisendim ke odla ubomi, nguKristu ke oselesidla ubomi kum. Ubomi ke endibudlayo ngoku, ndisenyameni, ndibudlela ekukholweni kuNyana kaThixo, owandithandayo, wazinikela ngenxa yam.
-
21
|Gálatas 2:21|
Andilutshitshisi ubabalo lukaThixo; kuba, ukuba bungomthetho ubulungisa, oko uKristu angaba wafumana wafa.
-
1
|Gálatas 3:1|
Ehlani, maGalati aswele ukuqonda! Ngubani na oninyangileyo, ukuba ningayithambeli nje inyaniso, ebethe nje phambi kwamehlo enu uYesu Kristu wabhalwa, wabhegezwa phakathi kwenu, ebethelelwe emnqamlezweni?
-
2
|Gálatas 3:2|
Ndithanda ukukha ndiqonde kuni le ndawo yodwa: Namamkela uMoya emisebenzini yomthetho, namamkela ezindabeni zokholo, kusini na?
-
3
|Gálatas 3:3|
Ninje na ukuswela ukuqonda? Nakuba niqale kuMoya, ngoku nigqibela kwinyama na?
-
4
|Gálatas 3:4|
Izinto ezinzima kangaka nafumana naziva na? ukuba kanti benifumana nisenza.
-
5
|Gálatas 3:5|
Lowo ngoko uniphayo uMoya, usebenza imisebenzi yamandla kuni, ukwenza oko ngokwasemisebenzini yomthetho, ukwenza ngokwasezindabeni zokholo, kusini na?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7