-
-
Xhosa
-
-
27
|Gálatas 4:27|
Kuba kubhaliwe kwathiwa, Yiba nemihlali, ludlolo lungazaliyo; Gqabhuka umemelele, wena ungenanimba; Ngokuba baninzi abantwana besishiywa, ngaphezu kwabonendoda.
-
28
|Gálatas 4:28|
Thina ke, bazalwana, ngokokukaIsake, singabantwana bedinga.
-
29
|Gálatas 4:29|
Kusuke, kwanjengokuba wayesithi oko owazalwa ngokwenyama amtshutshise owazalwa ngokoMoya, kwaba njalo nakaloku.
-
30
|Gálatas 4:30|
Sithini na ke sona isibhalo? Sithi, Likhuphele phandle ikhobokazana nonyana walo; kuba unyana wekhobokazana akasayi kuba ndlalifa kunye nonyana wokhululekileyo.
-
31
|Gálatas 4:31|
Ngoko, bazalwana, asingabantwana bekhobokazana thina; singabowokhululekileyo.
-
1
|Gálatas 5:1|
Yimani ngoko enkululekweni, athe uKristu wasikhululela kuyo; nize ningabuyi nibanjwe yidyokhwe yobukhoboka.
-
2
|Gálatas 5:2|
Niyabona, mna, Pawulos, ndithi kuni, ukuba nithe naluka, uKristu akasayi kuninceda lutho.
-
3
|Gálatas 5:3|
Ndiphinda ndingqina ke kumntu wonke owalukileyo, ukuba ungonetyala lokuwenza umthetho uphela.
-
4
|Gálatas 5:4|
Nibhangile, nahlukana noKristu, nina aba nigwetyelwayo emthethweni, naphalala elubabalweni.
-
5
|Gálatas 5:5|
Kuba thina ngoMoya silinde kakhulu ithemba lobulungisa ngokwaselukholweni.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 17-19